Imiqathango eBekiweyo

Iamandla.mobi liqumrhu logayo lwenkxaso yoluntu elizimeleyo elilangazelela ukwakha uMzantsi (uMzantsi Afrika) onobulungisa oxhomekeke kwiinzame, kwigalelo nakwinkxaso yoluntu jikelele. Le Miqathango yokuSebenza yandlala imiqathango onokusebenzisa ngayo iwebhusayithi yethu ukuyila amaphulo, ukusayina amaphulo nokubandakanyeka  namalungu angabalingane eamandla.mobi.  Ngokusayinela ukungena kwiphulo, ukuba ngumququzeleli, ukuyila iphulo kwiwebhusayithi yethu, ukungena kwiqela leamandla.mobi kunye nokukhetha ukungena kwiwebhusayithi yethu, ubonakalisa ukuba wamkela le Miqathango yokuSebenza kwaye uvumela ukuba ikubophelele. Sinelungelo lokususa nawaphi na amaphulo okanye izimvo ezingabelani nemikhwa esesikweni yequmrhu.

1. UKUSEBENZISA IWEBHUSAYITHI YETHU

1.1 Iwebhusayithi yethu iyafumaneka ukuba wena uyisebenzisele ubuqu nangokungaphathelelanga kwezorhwebo kuphela.

1.2. Iamandla.mobi ayixhasi okanye ayigunyazisi nawaphi na amaphulo okanye umxholo owenziwe ngamalungu kwiwebhusayithi yethu.

1.3. Kufuneka iwebhusayithi yethu uyisebenzise ngokwayamene nale Miqathango yokuSebenza ngeenjongo ezisemthethweni kuphela nangendlela enganyhashi amalungelo akhe nabani na okanye ethintela ukusebenzisa kwakhe nabani na ukuyisebenzisa iwebhusayithi yethu.

1.4. Akufuneki uchonge okanye uqokelele iidilesi zeimeyile, iinombolo zeselula okanye olunye ulwazi lobuqu olumalunga nabanye abasebenzisi bewebhusayithi yethu ngenjongo yokuthumela imiyalezo yezorhwebo engagunyaziswanga okanye ngayo nayiphi na enye injongo.

1.5. Sihlaziya kwaye siqhuba ulondolozo lwewebhusayithi yethu rhoqo, ngako oko ke singalunqumamisa ufikelelo, inkonzo, okanye ukusebenza kumaxesha ngamaxesha ngaphandle kwesaziso. Asiz’ ukuba netyala ukuba, ngaso nasiphi na isizathu, iwebhusayithi yethu ayifumaneki nanini na okanye ngaso nasiphi na isigaba sexesha.

1.6.  Sinelayisenisi yamalungelo awodwa ombhali kumxholo wewebhusayithi yethu.

1.7. Ngokusebenzisa le webhusayithi, uqinisekisa ukuba ungaphezulu kweminyaka eli-18 ubudala. Asilungisi datha yakhe nawuphi na umntu ongaphantsi kweminyaka eli-18 sikwazi oko. Ukuba sifumanisa okanye sinesizathu sokukholelwa ukuba ungangaphantsi kweminyaka eli-18 kwaye sigcine ulwazi lwakho lobuqu, siza kulucima olo lwazi ngesigaba sexesha esifanelekileyo size sibambe iinkonzo zethu ngokunxulumeneyo.

1.7.1.  Ulwazi lobuqu lulungiswa ngokusekelwe kwiimfuno ezibalulekileyo zomntu yedwa. Umthetho osebenzayo usivumela ukuba silungise ulwazi lobuqu kwiimeko zikaxakeka (umz., ubomi okanye ukufa).

1.7.2. Uyavuma ukuba awuz’ ukuguqula, awuz’ ukujika okanye awuz’ ukuyila umsebenzi ovela kuwo nawuphi na umxholo ngaphandle komsebenzi wobuqu ongengowezorhweno okanye wezemfundo. Naluphi na olunye usetyenziso lomxholo lufuna imvume ebhaliweyo yangaphambili yeamandla.mobi nequmrhu, okanye nabaphi na abafake igalelo abachongiweyo ababhengezwe njengababhali bomxholo.

2. UMGAQONKQUBO WOBUMFIHLO

2.1. Silungisa ulwazi malunga nawe ngokwayamene nomgaqonkqubo wethu wobumflihlo. Ngokusebenzisa iwebhusayithi kunye/okanye amajelo ethu ezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo, uvumela oko kulungiswa kwaye uqinisekisa ukuba yonke idatha oyinikayo ichanekile. Nceda funda uMgaqonkqubo wobuMfihlo weamandla.mobi ngokudibene nemiqathango yokusebenza; www.amandla.mobi

3. UMXHOLO WAKHO

3.1. Uqinisekisa ukuba wonke umbhalo, imifanekiso kunye nomnye umxholo owuthumelayo kwiwebhusayithi yethu, ukuquka nakwiisayithi ekumanyenwe nazo, ngumsebenzi wezimvo zakho wedwa kwaye/okanye kangangoko umxholo wakho uquka nawuphi na umbhalo, imifanekiso okanye omnye umxholo ongoweqela elingumngeneleli, uqinisekisa ukuba unelayisenisi yokusebenzisa kwaye uvelise kwakhona loo mxholo kwiwebhusayithi yethu kwaye/okanye ube uqinisekiswe ngokufanelekileyo.

3.2. Uyaqonda kwaye uyavuma ukuba sinokuthi, ngelethu igunya ekuphela kwalo kwaye ngaphandle kwesaziso, sihlele kwaye/okanye sisuse naliphi na iphulo oliyilileyo kwiwebhusayithi yethu okanye nawuphi na umxholo wakho esikholelwa ukuba unyhasha le Miqathango yokuSebenza okanye okhubekisayo, ongekho mthethweni, owanyelisayo, okanye onyhasha amalungelo, okanye ogrogrisa ukhuseleko lwabanye.

3.3. Ngokungenisa nokupowusta umxholo wakho kwiwebhusayithi yethu, unika iamandla.mobi kunye nequmrhu lebhodi ilayisenisi engapheliyo, engenakubhangiswa, yehlabathi jikelele, engenamali ibhatalwa umnini ngabashicilelayo nengakhethiyo ukuyisebenzisa, ukuyilungisa, uyikuvelisa kwakhona, ukuyipapasha, ukuyisasaza, ukunxibelelana ngayo, ukuyibonisa nokuyihambisa ngalo naluphi na uyilo, kusetyenziswa nayiphi na indlela yodluliselo lolwazi, ngenjongo yokukhuthaza iphulo lakho.

3.4. Sinelungelo lokususa naliphi na igalelo lomsebenzisi okanye lesehlo ngaso nasiphi na isizathu. Esi sisigqibo esiza kuzama ukusenza ukuba sibe nobulungisa, kodwa ekugqibeleni sisigqibo ekuxhomekeke kuthi kuphela ukuba sisithathe.

4. UKUVALA IAKHAWUNTI YAKHO

4.1. Singayinqumamisa okanye siyicime iakhawunti yakho, ukuquka naluphi na ufikelelo kumajelo ezixhobo zethu zobuchwepheshe eziphathwayo, ukuba uyasilela ukuthobela izibophelelo eziphantsi kwale Miqathango yokuSebenza.

4.2. Ukuba iakhawunti yakho inqunyanyisiwe okanye ivaliwe ngaso nasiphi na isizathu, awuz’ ukufikelela kwiakhawunti leyo (ukuquka nomxholo wakho).

4.3. Iqela leamandla.mobi liza kumisela, ngokuzikhethela, ukuba ingaba kuye kwangathotyelwa le Miqathango yokuSebenza na ekusebenziseni kwakho isayithi. Ukuba iye ayathotyelwa, singathatha elo nyathelo linjalo njengoko sibona kufanelekile, ukuquka kodwa kungaphelelanga koku kulandelayo:

4.3.1. Ukurhoxiswa ngoko nangoko, ithutyana okanye isigxina kwelungelo lakho lokusebenzisa iwebhusayithi yeamandla.mobi;

4.3.2. Ukugxothwa ngoko nangoko, ithutyana okanye isigxina kuwo nawaphi na amajelo ezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo wena olilungu lawo;

4.3.3. ukususwa ngoko nangoko, ithutyana okanye isigxina kwako nakuphi na okupowustileyo okanye imathiriyeli oyidluliseleyo kwisayithi okanye

4.3.4. iingxoxo zamatyala ngakuwe ngembuyiselomali yazo zonke iindleko ngokwembuyekezo ebangelwe kukungathobeli.

5. ITYALA

5.1. Usebenzisa iwebhusayithi yeamandla.mobi ngokuzifaka wena ngokwakho emngciphekweni.

5.2. Sinika iwebhusayithi yethu “njengoko injalo”. Asimelanga okanye asithembisi ukuba ukusebenza kwewebhusayithi yethu kukhuselekile, kuyimfihlo, akunakuphazanyiswa, akunaziphene, kuchanekile, kuphelele okanye kokwangoku.

5.3. Ngaphandle kwalapho singakwaziyo ukukhethela bucala ityala lethu ngokusemthethweni, asiz’ ukuba netyala kuwe ngako nakuphi na ukuphulukana okanye ukonakala okubangelwe, okanye okunxulumene nokusebenzisa kwakho (ukuquka ukungakwazi ukusebenzisa) iwebhusayithi yethu.

5.4. Sikhethela ecaleni ityala layo nayiphi na ilahleko yenzuzo, ilahleko okanye ukumoshakala kwedatha, ilahleko eyodwa okanye umonakalo owodwa, engumzekelo, yokohlwaya, yokungalindelekanga, yokungangqalanga okanye yokulandelayo okanye umonakalo ofunyenweyo okanye owenzeke okanye obangelwe kokunxulumene newebhusayithi yethu okanye okunxulumene naso nasiphi na isenzo okanye okushiywe sithi.

5.5. Asinaxanduva kuwe ngalo naliphi na ityala, izenzo, ibango, umenzakalo, ilahleko okanye umonakalo okwehlelayo okanye owufumanayo onxulumene okanye owayamene nobulungu bakho okanye ukuthabatha kwakho inxaxheba kuyo nayiphi na imisebenzi eququzelelwe okanye ephenjelelwe yiamandla.mobi.

5.6. Amagama, imifanekiso okanye iilogo ezazisa iamandla.mobi okanye nawaphi na amanye amaqela angabangeneleli ekubhekiselelwe kuwo kwiwebhusayithi kunye/okanye amajelo ethu ezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo kunye neemveliso zawo neenkonzo zawo zingaxhomekeka kwilungelo elilodwa lombhali, amalungelo okuyila okanye amalungelo eempawu zorhwebo. Ezi mpawu zorhwebo azinakuveliswa kwakhona ngaphandle kwemvume yabanini abafanelekileyo. Akukho nto iqulethwe kule miqathango yokusebenza eza kucaciswa njengenika nayiphi na ilayisenisi okanye ilungelo lokusebenzisa naluphi na uphawu lorhwebo, uyilo okanye ilungelo elilodwa leamandla.mobi okanye naliphi na elinye iqela elingumngeneleli.

6. IILINKI ZEESAYITHI ZAMAQELA ANGABANGENELELI NEMITHOMBO YOLWAZI

6.1.  Iwebhusayithi inokuba neelinki zokungena kwiisayithi zamaqela angabangeneleli nezemithombo yolwazi. Asinalawulo kwezo sayithi kwaye asiz’ ukubanatyala ngayo nayiphi na ilahleko okanye umonakalo okwehlelayo okanye owenzekayo xa usebenzisa isayithi yeqela elingumngeneleli okanye yomthombo wolwazi.

6.2. Asizivumeli iilinki eziya kwiisayithi zamaphepha oluhlu lwezikhalazo zamaqela angabangeneleli kumaphepha ethu oluhlu lwezikhalazo okanye ii-imeyile ozithumela kubasayini bakho bamaphepha oluhlu lwezikhalazo. Oku kubhidisa abantu kwaye kusoloko kuchasene nemveliso. Sinelungelo lokususa okanye sihlele amaphepha oluhlu lwezikhalazo kwaye sicime okanye sihlele ii-imeyile eziqhagamshelana namaphepha oluhlu lwezikhalazo amaqela angabangeneleli awaphula lo mqathango.

7. AMALIZO EINTANETHI

7.1. Ukwamkelwa kwamalizo eintanethi: Iamandla.mobi iyawamkela amalizo eintanethi kwiqonga leqela elingumngeneleli, iGivenGain isebenzisa ifomu yamalizo yeintanethi. Abanikimalizo banganika amalizo kanye okanye inyanga nenyanga iamandla.mobi apha.

7.2. Umgaqonkqubo wobumfihlo wabanikimalizo: Iamandla.mobi iza kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo ukukhusela ulwazi lobuqu lwawo onke amalungu kunye nabasebenzisi ngokungqinelana nomgaqonkqubo wethu wobumfihlo. Nangona kunjalo, ngokuphathelele kumgaqonkqubo wethu wokunika amalizo, ngalo naliphi na ilizo elingaphaya kwamaR10,000, sipapasha imvelaphi yethu kwiNkcazo yeMali yoNyaka yethu nakwiwebhusayithi yethu. 

7.3. Irisithi yerhafu: Iamandla.mobi ikhupha izatifiketi zerhafu ezielekthronikhi (Izatifiketi zecandelo 18A) ekupheleni konyaka ngamnye. Amalizo angamaR100 okanye ngaphezulu ngonyaka afanele irisithi yerhafu.

8. USETYENZISO LWESAYITHI YETHU NGAPHANDLE KOMZANTSI AFRIKA

8.1. Ngelixa sisamkela zonke iindwendwe kule sayithi, asinakuqinisekisa ukuba iwebhusayithi ifanelekile okanye iyafumaneka ukuba isetyenziswe kuwo nawuphi na ummandla. Abo bandwendwela iwebhusayithi abangaphandle kwaseMzantsi Afrika banoxanduva lokuthobela yonke imithetho esebenzayo.

9. IMIQATHANGO JIKELELE

9.2. Iamandla.mobi izinikele ukunika imekobume yokusebenza ekhuselekileyo nenentlonipho kubo bonke abasebenzi bethu. Oku kuthetha ukuba sinelungelo lokuvala iakhawunti yakho, amaphepha oluhlu lwezikhalazo, okanye ubambiswano lwakho ukuba awunantlonipho, unempathogadalala okanye ugrogrisa ilungu leqela labasebenzi leamandla.mobi. Oku kuquka, kodwa kungaphelelanga apha, indlela yokuziphatha enje ngokushawutisa, ukupowusta kwiiakhawunti zamakhasi onxibelelwano obuqu, ukugrogrisa, ukuxhaphaza okanye ukuzama ukunyoba, ukutyhola okanye ukunyanzela iqela labasebenzi bethu ukuba babeke iphulo lakho phambili kunamalungelo aphambili amalungu eamandla.mobi.

9.2. Iamandla.mobi inelungelo lokutshintsha nawuphi na okanye yonke le miqathango yokusebenza kunye/okanye kongezwe imiqathango yokusebenza emitsha nanini na. Xa sisenza njalo, siza kwenza ikopi entsha yale Miqathango yokuSebenza ifumaneke kwiwebhusayithi yethu. Ulindeleke ukuba ukhangele eli phepha rhoqo ukuqwalasela naluphi na utshintsho esilwenzayo. Ukusebenzisa kwakho okuqhubekayo kwewebhusayithi yethu kuza kubandakanya ukwamkela kwakho oko kutshintsha.

9.3. Akufuneki upapashe okanye usebenzise nayiphi na inxenye yeemathiriyeli kwiwebhusayithi yeamandla.mobi ngeenjongo zezorhwebo okanye zamajelo ezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo zequmrhu ungayifumananga imvume yethu ebhaliweyo.

9.4. Ukuba uyakuqonda nakuphi na ukungathotyelwa kwale Miqathango yokuSebenza okanye okunye ukusetyenziswa gwenxa kwewebhusayithi yeamandla.mobi kunye/okanye amajelo ezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo, nceda wazise iqela ngokubhalela apha hola@amandla.mobi

9.5. Le Miqathango yokuSebenza imisele isivumelwano sisonke phakathi kwakho nathi ngokuphathelele kukusebenzisa iwebhusayithi yethu kwaye yongamela zonke iingxoxo zangaphambili nonxibelelwano ngokunjalo.

9.6. Akukho budlelane bengqesho, ubambiswano, iarhente okanye oogunyaziwe abasemthethweni phakathi kwakho nathi.

9.7. Le Miqathango yokuSebenza iza kulawulwa kwaye ichazwe ngokwayamene nemithetho yaseMzantsi Afrika, kwaye naziphi na iimbambano ezinxulumene nayo ziza kuxhomekeka kumagunya eenkundla awodwa elizwe.

9.8. Iinkxalabo zakho: Ukuba unazo naziphi na iinkxalabo malunga nemathiriyeli ekwiwebhusayithi kunye/okanye ekumajelo ethu ezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo, nceda qhagamshelana neSupporte Care (uKhathalelo loMxhasi) lweamandla.mobi apha:

I-imeyile: hola@amandla.mobi 

Umnxeba/uWhatsApp: 0694403192 

(igqibele ukuhlaziywa: 24 Okthobha 2024)