Ingaba iamandla.mobi ingqinelana naliphi na iqela lezopolitiko?

Iamandla.mobi liqela logayo lwenkxaso elizimeleyo, elingamanyananga okanye elinganxulumananga nalo naliphi na iqela lezopolitiko. Ngelixa singaxhasi ngokuzimiseleyo iqela lezopolitiko elinye ngaphezu kwelinye, kwaye nathi singafumani nkxaso kuwo, sixhasa imigaqonkqubo engqinelana nemikhwa esesikweni.

Ingaba iamandla.mobi iyifumana njani inkxasomali?

Ukongeza kwiminikelo yamalungu eamandla.mobi, iamandla.mobi ifumana kwakhona izibonelelo kumaziko angqinelanayo ngemikhwa esesikweni. Cofa apha ngolwazi oluthe vetshe malunga nendlela esixhaswa ngemali ngayo.

Ndiliqala njani elam iphulo?

Siphehlelele iqonga lephulo labahlali elibizwa ngokuba yiawethu.mobi. Iawethu.mobi liqonga lakho lokuqhuba amaphulo ngemiba onenkathalo ngayo, kwaye iqela lakho liza kukuxhasa ukusuka ekuqaleni ukuya kutsho ekugqibeleni. Cofa apha ukuqalisa iphulo.

Kutheni ndikuluhlu lwakho lweeimeyile njena?

Sithumela ii-imeyile kubantu abathathe amanyathelo kwiwebhusayithi yethu. Asifuni iidilesi zeimeyile kuwo nawaphi na amaqumrhu amaqela angabangeneleli. Ukuba ukhetha ukungafumani ii-imeyile kuthi, ungayeka ukurhuma nanini na. Yonke i-imeyile evela kuthi inelinki yokuyeka ukurhuma, okanye ungasithumela i-imeyile apha hola@amandla.mobi

Ingaba iamandla.mobi ingqinelana naliphi iqela lezenkolo?

Iamandla.mobi ayimanyananga okanye ayinxulumananga nalo naliphi na iqela lezenkolo, kwaye asikhuthazi nakuphi na ukufundiswa ngezenkolo kwalo naluphi na uhlobo.

Ingaba iamandla.mobi liqumrhu lezobuchwepheshe/lezobuxhakaxhaka bale mihla?

Iamandla.mobi inceda abantu kwilizwe jikelele ukuba badibane ngamaxesha anzima ukuthatha inyathelo ekujoliswe kulo, ekusetyenziswana ngalo nelinesicwangcisoqhinga ukwenza utshintsho lokwenyani. Ubuchwepheshe lelinye lezixhobo esizisebenzisela ukwenza oku, kuphela nje  – sisixhobo. Amandla okwenyani eamandla.mobi kukuba WENA uthathe inyathelo kunye nabanye.

Uyikhusela njani idatha yam?

Iamandla.mobi ithobela ngokupheleleyo iProtection of Personal Information Act (uMthetho wokuKhusela uLwazi loBuqu) (iPOPIA) kwaye isebenzisa amanyathelo okhuseleko afanelekileyo ukukhusela ulwazi oluqokelelweyo yisayithi. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda yiya kuMgaqonkqubo woBumflihlo wethu.

Ingaba iamandla.mobi liqela lezopolitiko?

Iamandla.mobi ayimanyananga okanye ayinxulumananga naliphi na iqela lezopolitiko kwaye ayifumani nkxaso nakweliphi na iqela lezopolitiko

Ingaba niyinxenye kaSassa?

Iamandla.mobi ayinxulumananga noSassa kwaye ayisebenzi noSassa. Siliqumrhu logayo lwenkxaso elincinci eliququzelela amaphepha oluhlu lwezikhalazo, ukuquka nephulo leR350/BIG.

Ndenza njani ukuba ndibe lilungu leamandla.mobi?

Ungalilungu ngokubandakanyeka kwelinye lamaphulo ethu kunye nokusayina elinye lamaphepha oluhlu lwezikhalazo ethu apha

Loluphi uhlobo lwemiba iamandla.mobi eyenza iphulo ngalo?

Iamandla.mobi yenza amaphulo ngemiba echaphazela abantu abaNtsundu, kujoliswe ngokukodwa kumanina aNtsundu afumana umrholo ophantsi. Amaphulo ethu ahlukahlukana ngokobulungisa bezoqoqosho nokufumaneka kokutya ukuya kuxanduva lokuphendula lwamaqumrhu. Ungawabona amanye amaphulo ethu apha

Ndingasebenza njani eamandla.mobi?

Ungangena kwikhasi sebenza eamandla.mobi apha ngamathuba omsebenzi avulekileyo

Ndiwanika njani amalizo kwiamandla.mobi?

Unganika amalizo iamandla.mobi ngokugcwalisa ifomu apha

Iamandla.mobi iwenza njani umahluko?

Iamandla.mobi yenza umahluko ngokuxhobisa abantu ukuba basebenzise izixhobo zobuxhakaxhaka bale mihla ukwenza iinkokeli ukuba zibe noxanduva lokuphendula zize zenze utshintsho ekuhlaleni.