Iziphumo zesaveyi yezibonelelo zoluntu zibonisa isidingo esingaphaya sokunyusa izibonelelo

Siqhube isaveyi ukuqonda nokufumanisa ukuba ingaba iingxaki zintsha okanye ukuba abafumani besibonelelo bahlelwe kokufanayo nezinye izibonelelomali zoluntu.

Amalungu amaninzi eamandla.mobi ancedisa ekutshutshiseni kuMongameli Ramaphosa ukuba abuyise isibonelelo seR350 aze abandakanye ubuncinane babakhathaleli abangekho ngqeshweni. Ukubuya kwesibonelelo esinguR350 ngoJulayi 2021 kwabonisa ukuphucuka kweendlela zokuhluza ukufaneleka, abakhathaleli abangekho ngqeshweni befanelekile ukufumana isibonelelo. Nangona kunjalo, amalungu amaninzi eamandla.mobi anika ingxelo yeengxaki zokukwenza isicelo sesibonelelo.

Ngenxa yayo yonke imiba ephakanyisiweyo ngokuphathelele kwinkqubo yesibonelelo seR350, siqhube isaveyi ukuqonda nokufumanisa ukuba ingaba iingxaki zintsha na okanye ukuba abafumani besibonelelo bahlelwe kokufanayo na nezinye izibonelelomali zoluntu.

Ezinye zeziphumo zethu ezingundoqo kwisaveyi yezibonelelo zoLuntu zethu:

●        U-SASSA usalambatha ngonxibelelwano nabaxhamli besibonelelo

Okwangoku, enye yemiba exhaphake kakhulu ephakanyiswe kwiSaveyi yethu yesiBonelelo seR350 neSaveyi yeziBonelelo zoLuntu yayiyingxaki nonxibelelwano kwaSASSA. Ezinye izibonelelo zayekiswa kungakhange kunxibelelwano, ngexesha abanye bengazange bakwazi ukufumana iimpendulo xa befuna uncedo okanye ulwazi. Omnye umphenduli wade wathi:

“Ndandingomnye wabakhathaleli ongazange afumane isibonelelo sabantwana kungakhange kubekho naluphi na uhlobo lonxibelelwano kule nyanga [Okthobha].”

“Kufuneka bathumele abantu ukuba bangene kwindlu nendlu kubantu abalupheleyo, abagulayo nabaphila nokukhubazeka.”

●        Imiyinge yesibonelelo yangoku ayanelanga

Abaphenduli kwakhona baphawule ukuba imiyinge yezibonelelo yangoku ayanelanga kwaye rhoqo kufuneka bancame izidingo ezithile ezisisiseko kunezinye. Ngelixa bengenawukwazi konke konke ukukufikelela ukutya, bazibona bencama izidingo zabo ezinje ngamayeza, izibonelelo zesikolo, impahla, nokuthenga umbane.

“SASSA CEO othandekayo noMphathiswa woPhuhliso loLuntu, ninganceda ngokunyusa isiBonelelo seNkxaso yaBantwana. Uninzi lwabakhathaleli luxhomekeke kuyo. Abasebenzi, ngako oko ukunyusa isibonelelo singakuvuyela.”

“Ndicinga ukuba isibonelelo soluntu seSassa kufuneka sinyuswe kuba ezinye iintsapho sisebenzisa le mali ukuphila. Kwaye umyinge wangoku ofunyanwa ngabantwana awuzilingani zonke izidingo zabo kuba izinto zibiza kakhulu. Sicela urhulumente ukuba anyuse isibonelelo kuba abanye abazali abasebenzi kwaye abakulungelanga ukufumana isibonelelo se-SRD ngenxa yeemeko ezithile.”

●        Inkqubo yesibonelelo inokusebenzisa ukuphucuka okuthile

Abanye abaphenduli bakhalazela ukufumana izibonelelo zabo kade, ingakumbi emva kokuba imihla yokuhlawulwa kwesibonelelo itshintshiwe ngenxa yeCOVID-19.

“Kufuneka baphucule inkqubo yabo. Ndidiniwe ukufumana isibonelelo kwiveki yesibini rhoqo ngenyanga kuba esi sibonelelo ndisisebenzisela ukuba nditye nosapho lwam….”

“Zininzi iinyanga ngoku silindele iipasele zokutya. Banganceda balungise izinto ngokukhawuleza kuba abanye bethu baxhomekeke kwiipasile zokutya kuba isibonelelo singoneli.”

Ulwazi oluthe vetshe malunga nesaveyi lungafumaneka apha ngezantsi:

●        Ngaphezulu kweepesenti ezingamashumi alithoba abaphenduli ngabaxhamli besibonelelo sabantwana.

Igrafu elapha ngezantsi ibonisa ukuba isiBonelelo seNkxaso yaBantwana isesesona sibonelelo soluntu sikhulu elizweni, inesidingo sokukhula yonke imihla.

Igrafu 1: Le grafu ilapha ngentla ibinisa izibonelelo zoluntu ezahlukeneyo.

●        Uninzi lwabaxhamli bezibonelelo zabantwana abasebenzi.

Iziphumo zesaveyi zesibonelelo seR350 zifumanise ukuba uninzi lwabakhathaleli abangasebenziyo basalelwa isibonelelo. Igrafu elapha ngezantsi ibonisa.

Igrafu 2: Igrafu elapha ngentla ibonisa inani labakhathaleli abasebenzayo nabangasebenziyo.

●        Phantse ngamashumi amane eepesenti abaphenduli abathe baye baneengxaki ngezibonelelo zabo. Omnye umxhamli wesibonelelo somntwana uye wathi:

“Ngo2014, ndilahle i-ID yam, kwaye kwakungexesha apho u-SASSA wayehlaziya inkqubo yezibonelelo. Kwafuneka sise abantwana ukuba bagximfize iminwe. Emva kokuba ndifumene incwadi yam ye-ID, ndaye ndayokufaka isicelo sesibonelelo, kwaye ndaye ndaxelelwa ukuba ndiyaphandwa kwaye abazi ukuba oko kuza kuthatha ixesha elingakanani. Andizange ndisifumane isibonelelo iminyaka emithandathu ngabantwana ababini.

Ndisakuyifumana kwakhona, ndinethemba lokuba ndiza kufumana intsalela yangaphambili u-SASSA angazange andinike iminyaka emithandathu, bandixelela ukuba abayihlawuli imali engekahlawulwa yeminyaka engaphambili, kwaye intombi yam yayingasalungelanga kuba isibonelelo sasingasebenzi ngoko. Ndandidakumbile yinkqubo karhulumente wethu.”

Abanye abaxhamli besibonelelo bathi:

“Umama wam ufake isicelo sesibonelelo sokukhulisa umntwana ongengowakho  iminyaka emithathu ukusukela ngoko sabantwana bakasisi wam ongasekhoyo, kodwa akakayifumani loo mali kude kube ngoku.”

“Ndizama ukufumana inkamnkam nesibonelelo sabantwana. Ndalelwa isibonelelo sabantwana kunyaka ophelileyo. Andikeva nto ngenkamnkam yam okwangoku… andiyifumani indlela yokuqhagamshelana noSASSA ukuba aphendule.”

Xa ebuzwa wawusithini umyalezo wakhe oya kwiCEO ye-SASSA nakuMphathiswa woPhuhliso loLuntu, abanye abaphenduli bathi:

“Ndicebisa ukuba u-SASSA anyuse iimali yesibonelelo (iCSG) kuba uninzi lwabakhathaleli luxhomekeke kuyo….”

“U-SASSA kufuneka anyuse izibonelelo zoluntu.”

“Kufuneka baphucule inkqubo yezibonelelo zoluntu.”

“Andazi, mhlawumbi bafake imali kwiiakhawunti zethu yoomawokhulu bethu ukunciphisa imigca emide kwaye sikwazi ukuyifumana nanini na enyangeni.”

“Ndingathanda ukuba bazi ukuba le mali ayifikeleli nayiphi na into.”

Ngako oko, ngowuphi umahluko anokuwenza u-SASSA?

Ayikho indlela efanelekileyo yokulungisa inkqubo yesibonelelo seR350 ukuba inkqubo yezibonelelo zoluntu isalambatha. U-SASSA noDSD babathathe inyathelo elingxamisekileyo ukuhlangabezana nokulungisa imiba.

U-SASSA kunye neSebe loPhuhliso loLuntu kufuneka:

●        Abe nemihla yokuhlawula engqinelanayo

●        Aphucule unxibelelwano nabafumani/abaxhamli besibonelelo

●        Anyuse zonke izibonelelo zibe ngaphaya kwezinga eliphezulu lokubonisa intlupheko

●        Enze inkqubo yezibonelelo isebenze ngokungaphaya kwaye isebenziseke lula, kwi-intanethi nangaphandle kweintanethi

*Nceda qaphela ukuba zonke izicaphulo zihleliwe ngokungephiukulungiselela ubufutshane nengcaciso.

Inqaku lezobuchwepheshe:

Ezi ziphumo zilapha ngentla ikakhulu zithathwe kwiziphumo zesaveyi yezibonelelo zoluntu zethu, ezisasebenzayo kwaye zingafumaneka apha: https://amandla.wgdev.co.za/grant-survey/. Ngamanani angawona wamva nalungileyo nawangoku jonga iphepha leziphumo zesaveyi apha [Ikhonkco kwiphepha leziphumo ezizinziswe]. Iziphumo zesaveyi kufuneka zihlaziye kanye ngeveki ubuncinane ukubonisa iimpendulo ezintsha ngokuye abanye abantu begcwalisa iisaveyi. Idatha ngabakhathaleli abangasebenziyo abafaka izicelo zesibonelelo seR350, njengoko ngoku bebandakanyiwe kwiindlela zokuhluza zokulungela, yathathwa kwidatha eyahlukaniswe ngokwezigaba kwisaveyi yezibonelelo zoluntu zethu ezizezinye, esabonakalayo ngalo mzuzu kwaye ingafumaneka apha: https://amandla.wgdev.co.za/350-survey/. Iziphumo ezizezona zamva zaloo saveyi zingafumaneka apha https://amandla.wgdev.co.za/results-of-r350-survey-show-sassa-must-act/.

Isaveyi mayigcwaliswe kwisayithi yethu yemobi , kodwa kwakhona sinike iindlela zokugcwalisa isaveyi ngezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo kwabo bangenayo idatha, okanye neairtime ngokunjalo. Nceda qaphela ukuba besinesakhono sezobuchwepheshe ukupapasha iziphumo zesaveyi eziqhelekileyo kuphela, kwaye nokuba le datha ilapha ngentla ngabakhathaleli abangasebenziyo yayahlukaniswe ngokwezigaba ngokukodwa yaza yahlalutywa kungasetyenziswa zixhobo zobuchwepheshe. Kukwanjalo nakwiimpendulo zesaveyi ze-UIF. Idatha ehlalutywe kungasetyenziswa zixhobo zobuchwepheshe ayibonakaliswa ngalo mzuzu, kwaye yayithathwe kwisethi yedatha nge3 Disemba 2021. Siliqumrhu elincinane elinezakhono ezingephi noncedomali ngokunjalo. Nangona kunjalo, ukuba ungathanda ukucela idatha eyiyeyona yamva okanye ukunika iingcebiso zolwazinkqubo lophando, khululeka uqhagamshelane nathi apha hola (at) amandla.mobi, kwaye siza kwenza ngawo onke amandla ethu ukukuphendula.

Share the Post:

Related Posts