Yiba nomfanekisongqondweni utitshala wakho etshaya eklasini. Abanye bethu, le yayiyinyaniso kwade kwabe kubekwa imigaqo emitsha ngurhulumente ngowe1993 [1]. Kodwa kwakutheni urhulumente aze angathathi nyathelo kwangoko? Kwiphepha labo elalipapashwe ngowe2003, uMia Malan noRosemary Leaver bandlala ubudlelane phakathi kwelona shishini lecuba likhulu norhulumente [2] [3]. Urhulumente ekugqibeleni ude wabeka impilo yoluntu yoluntu phambili kweenzuzo, siyabulela kumatshantliziyo ezempilo.
Abaphandi bafumanise ukuba amashishini amakhulu athile, okanye oomasimanyane bawo, aye aneentlanganiso norhulumente bucala hayi esidlangalaleni okunokuthetha ukuba imigaqonkqubo karhulumente iyangxengwa ukukhusela iinzuzo [4]. Ukubanjwa kukarhulumente ngobhongwana kusibonise ukuba mninzi umsebenzi ekufuneka siwenzile. Kodwa iyabonakala inkqubelaphambili esiyenzayo ukuphucula ukuba selubala noxanduva lokuphendula. Oosopolitiki kufuneka badandalazise umdla kwezemali [5], kwaye amaqela ezopolitiko ngoku kufuneka abhengeze ukuba ngubani owaxhasa ngemali [6].
Kufuneka siqhubeke nokwakha la mandla. Asinako ukuba siphinde into ka2014. Amashishini amakhulu awenza ukutya okunje ngepoloni awazange avumelane nemigaqo yococeko eyandululwa ngurhulumente kwaye endaweni yoko afuna ukuzilawula ngokwawo [7] [8]. Urhulumente wayefanele ukuba uye wawamela ngeenyawo loo mashishini makhulu ngowe2014 aze abeke imithetho emitsha nakanjani.
Urhulumente kufuneka awamele ngeenyawo amashishini amakhulu angabangcungcuthekisi. Umsebenzi wazo kukukhonza abantu, hayi imidla yabucala.
BaPhathiswa, baLawuli Jikelele, iiMP nabo bonke abanye abaqeshwe njengabasebenzi bakarhulumente okanye abakwiiofisi zezopolitiko ababekekileyo,
Abantu, hayi inzuzo, mabalawule. Kodwa amashishini athile amakhulu asebenzise amagunya awo ukuphembelela izigqibo. Ukusukela ekonwabiseni abantu ngokutya nangeziselo ukubavuyisa [9] ukuya ekubangcungcuthekiseni, sibonile indlela amashishini athile amakhulu azame ngayo ukuyeka okanye ukulibazisa ukuhlawula iirhafu [10] [11], imirholo engcono yabasebenzi [12] namayeza abiza kancinane [13].
Thina, esisayine apha ngezantsi, sihlaba ikhwelo kuwe ukuba uvumele ezi zinyanzelo zilandelayo:
– Nizibophelele esidlangalaleni ukuba selubala ngokubhengeza zonke iintlanganiso, imisitho, imbalelwano, izingeniso kunye nezinye iingxoxiswano namashishini amakhulu nabamanyene nawo. Onke amaxwebhu nolwazi makufikeleleke kuwo ngokulula luluntu.
– Nizibophelele esidlangalaleni ukukhusela iinkqubo zokuthathwa kwezigqibo ngamashishini amakhulu nabamanyene nawo. Luchasano ngokweminqweno kwabo bakhuthazwa yinzuzo ukuba bathabathe inxaxheba okanye babe nefuthe ekuthathweni kwezigqibo ngokuluncedo kuluntu.
– Sebenzani ukunyanzela ngokungcono nize niphumeze imithetho yokuziphatha yabasebenzi bakarhulumente namagosa ezopolitiko ukuqinisekisa ukuba izigqibo zinceda uluntu nomgaqosiseko, hayi imidla yabucala.
– Uluntu kufuneka lukwazi ukufikelela ngokulula kwizibhengezo zemidla kubo bonke abasebenzi bakarhulumente abaphezulu ukunceda ukubeka iliso imeko yokuthatha isigqibo komntu esithatha icala lakhe.
Izigqibo zenu azinakuba zezifaka engozini imidla ephakathi kweyabucala nekarhulumente. Uxanduva lwenu kukunika inkonzo uluntu nomgaqosiseko, okuthetha ukuba ukuhlala kukhangelwa imidla yabucala nokuqinisekiswa ukuba amashishini amakhulu awafumani nzuzo ngokuyilahleko ebantwini.
Okokugqibela, sihlaba ikhwelo kumashishini amakhulu nabamanyene nawo ukuba ayeke ukusebenzisa imithombo yawo emininzi ukulibazisa, ukungxenga kunye nokwenza ngokungekho mthethweni izigqibo eziluncedo eluntwini. Zibonakaliseni ukuba aningobangcungcuthekisi kwaye niyeke ukugrogrisa ilizwe ngokuphulukana nemisebenzi nangokuziguzula. Ngeenzuzo zenu ezinkulu, ubuncinanana eninokukwenza kukuhlonipha idemokhrasi yethu, ulawulo kunye nesidima sabantu.
Urhulumente kufuneka athathe izigqibo ezibeka abantu phambili, hayi iinzuzo zamashishini amakhulu. ukuhlaba ikhwelo kokuba selubala noxanduva lokuphendula ziye zivakala ngokuvakala. Ukuba thina ngokwaneleyo siyahlangana, abasebenzi bakarhulumente kunye namagosa anyulwe esidlangalaleni kuza kufuneka ayeke ukuba neentlanganiso zabucala ezingekho sidlangalaleni.