UVodacom uthoba amaxabiso edatha

UVodacom uthathe inyathelo elilungileyo apho abhengeze ukuba uza kuthoba amaxabiso edatha ukusukela ku1 Epreli kwaye oku kuthotywa kwamaxabiso kokokuqala.

UVodacom uthathe inyathelo elilungileyo apho abhengeze ukuba uza kuthoba amaxabiso edatha ukusukela ku1 Epreli, kwaye oku kuthotywa kwamaxabiso kokokuqala. Luthungelwano lokuqala ukulungisa neKhomishini yoKhuphiswano kunokuba ijongane nokumangalelwa. Oku kukhulu.

Amaxabiso azo zonke iibundle aza kuhla ngokubonakalayo; umzekelo, idatha yenyanga nenyanga ye1GB iza kusuka kuR149 iye kuR99, ize iibundle ezincinane ezisetyenziswa ngabathengi abarhola umvuzo ophantsi zihle nangakumbi. Kwaye akuphelelanga apho; UVodacom uza kunika kwakhona iphakheji yeenkonzo abathengi abarhola umvuzo ophantsi, ebandakanya iiSMS ezi2 zemihla ngemihla zasimahla, ufikelelo lwasimahla kuzo zonke iwebhusayithi zikarhulumente neenkonzo ezibalulekileyo, kunye nezaphulelo zobuqu kubathengi beprepaid kwimimandla yabarhola umvuzo ophantsi. Kwaye oko kwenzeke ngenxa yakho. Iphulo lethu alikapheli. Unganceda wabelane ngezi ndaba  ukuze siqhubekele phambili?

Iminyaka sitshutshisa uthungelwano lwezixhobo zonxibelelwano eziphathwayo, urhulumente nabaqondisimthetho ukuba bathathe inyathelo ngendleko ephezulu yedatha kunye nokucalucalula kwamaxabiso abangela ukuba abathengi abarhola umvuzo ophantsi barhunyiswe idatha engaphezulu kunabazizityebi. Siye saqhubeka nokubatshutshisa kwaye senza umahluko obanakalayo ekuhambeni kwexesha.

Esi sigqibo kukuqala kohlengahlengiso okusisiseko sokubeka amaxabiso kwicandelo elo. IKhomishini yoKhuphiswano isathethathethana noMTN noTelkom kwaye ilindele ukufikelela kwisigqibo kwiiveki ezimbalwa ezilandelayo. Kwaye ngenxa yokuhlisa amaxabiso kaVodacom, kukho isizathu sokukholelwa ukuba oku kuza kuba nempembelelo kolunye uthungelwano lwezixhobo zonxibelelwano eziphathwayo. Kodwa linyathelo nje elinye ekupheliseni ukuxhatshazwa kwabathengi luthungelwano olunyolukileyo olwenza inzuzo. Kusekho umsebenzi omninzi ofuna ukwenziwa ukuvala ezinye iindlela apho uthungelwano lwezixhobo zonxibelelwano eziphathwayo luqhubeka nokutsotsa abahluphekileyo.

Asikhange sincame nasemva kokuba uthungelwano lwezixhobo zonxibelelwano eziphathwayo zizame ukusebenzisa iinkundla ukumisa ukuphumeza imigaqo ye-ICASA esiyiphumelele ebunzimeni kwaye silwela ukungathobeli kwalo ngoku. Asikhange sincame xa babesithi isipektram sisizathu seendleko zedatha eziphezulu, kuba besisazi ukuba nangona kuyingxaki, bekungekho sizathu konke konke sokubeka amaxabiso abonakalisa ukucalucalulwa kwabahluphekayo. La ngamandla olu luntu. Ngokuhlangana kwaye sibatshutshise, ekugqibeleni siza kuliphumelela idabi likaData Must Fall.

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More