Lixesha lotyalomali olubalaseleyo ngenkamnkam

Lixesha lotyalomali olubalaseleyo ngenkamnkam
NguKoketso Moeti

* Inqakwana elibhaliweyo lalipapashwe okokuqala yiDaily Maverick.

Asakube amalungu ePalamente ekwikhaphethi ebomvu kwiState of the Nation Address (iSONA) (INtetho yeMo yeSizwe) sonyaka , abapenshinileyo bePietermaritzburg Pensioners Forum bema ngaphandle benethemba lokungenisa iphulo labo kuMongameli. Babecela ukuba ipenshini inyuswe ibe ngamaR2 500 ngenyanga okwangoku, njengenyathelo lokulinganisa neNational Minimum Wage (uMvuzo oPhantsi kaZwelonke enyusiweyo kunye nakumvuzo wokuphila. Bafuna kwakhona ukuba abapenshinileyo bafumane itshekhi ye13 rhoqo ngoDisemba.

Kucacile ukuba eli linyathelo eliyimfuneko ukuqinisekisa isidima nempilo yeemiliyoni zabantu elizweni.

Inyathelo leza emva kokuba iipenshina ziye zabhalela uMongameli noMphathiswa wezeMali ileta evulelekileyo enyanisekileyo enika iinkcukacha zezicelo zabo, ilandelwa luhambo oluya eKapa ukufaka ungeniso lwezimvo kwikomiti yezemali ePalamente. Iileta ezininzi eziya kumagosa karhulumente nakoosopolitiki azange ziphendulwe njengoko iipenshina zathi thaca elazo icala.

Busakube ubukhazikhazi beSONA buqalisile, amabhinqa aye amela inyaniso ngemeko yawo aba sisikhumbuzo esingqingqwa seemeko wona – kunye nezinye iipenshina ezingama3.5-miliyoni – ajongene nazo. Ezi penshina zabandakanya uDineo Makgema oneminyaka engama 67 ubudala, ohlala nabazukulwana bakhe abane kumkhukhu onamagumbi amabini, oyena mdala wenza iBanga 10. Umkhukhu uvuza kakhulu xa kunetha, kodwa kufuneka bakhethe phakathi kokuwulungisa okanye ukutya. Ngokunyuswa kwepenshini okundululweyo kube ngumrholo owanele izidingo, uMakgema unokuba nako ukondla usapho lwakhe, ngoJanyuwari ubungamaR3,234.25, aze abe nemali eyaneleyo eshiyekileyo yezinye zidingo ezisisiseko, ukubandakanya nokulungisa uphahla oluvuzayo.

NgoJulayi kunyaka ophelileyo, uMakgema uye wafa icala okuye kwamshiya nomenzakalo kwigxalaba lakhe lasekhohlo. Uza yokwenziwa utyando mva kule nyanga, kodwa uxhalabile kuba alunakwenziwa olu tyando kuba abazukulwana bakhe abaz’ ukuba namntu wokubakhathalela. Abazali babantwana, abantwana bakaMakgema, banyamalele ngexesha omnye waswelekayo. Ngaphandle kwenkamnkam kaMakgema, esoloko ingazaneli izidingo zakhe, amakhaya anje ngeli lakhe kwakhona axhomekeke kububele babanye – njengeetitshala abanika abazukulwana iiyunifomu zesikolo.

Amava kaMakgema ngosisi akakho kuye yedwa. Idatha yeStatistics South Africa (iStats SA) (Ezeenkcukachamanani zoMzantsi Afrika) ibonisa ukuba “malunga nesinye esithathwini (32.5%) samakhaya akhokelwa ngabadala anamalungu amahlanu okanye ngaphezulu,” kwaye isiqingatha sabo sihlala kumakhaya ekungekho mntu umdala usebenzayo. Lo mba weentsapho ezikhokelwa ngabadala ubonakalisa ubunzulu boxanduva lwezoqoqosho nolwezentlalo abalupheleyo abaqhubeka nokulunika iintsapho zabo. Olu xanduva ingakumbi luthwalwa ngamabhinqa, wona ngokwayamene nale datha inye, afumaniseke ukuba angaphezulu kunamadoda ngokusebenzisa epenshini yawo ekhayeni. Ngokwayamene nesaveyi yeStats SA ka2016, inani lamakhaya akhokelwa ngamabhinqa linyuka ukusuka kwiminyaka engama70 ukunyuka kwaye kwaba bondlilusapho, phantse ama67% omvuzo wabo ayacazululwa

kufuneka kudlulele ngaphaya kokubonwa njengendlela abahluphekileyo mabaphile ngayo. Kuba iipenshini zenza umsebenzi omnye njengomrholo olingene izidingo kwaye uzise umvuzo emakhaya, kufuneka kwakhona zibonwe njengesakhono sesivuseleli sezoqoqosho sophuhliso lwezoqoqosho lwengingqi ekufuneka kutyalwe kuso.

Kodwa akukho malunga nohlumo lwezoqoqosho – iinzuzo zokunyusa inkamnkam kunye nokuqalisa itshekhi ye13 kwiipenshina kuza kutshintsha iimiliyoni zabantu ngokomeleza umgangatho wobomi weemiliyoni zabantu. Ngentetho yohlahlo lwabiwomali yakutshanje loMzantsi Afrika, uMphathiswa wezeMali uphose ithuba lokubhengeza amanyathelo angqingqwa lokwenza kwenzeke. Inkamnkam yenyuswa ngeR80 eyi4.7%, kwaye ngaphantsi kwexabiso leR100 kunyuso lonyaka ophelileyo.

Endaweni yokukhankanya imiqobo yemali karhulumente njengesizathu sokungahlangabezani nengxaki yeepenshina, inzame ingenziwa ukubeka phambili indlela emakusetyenziswe ngayo iimali. Oku – kunye nokunyuswa kweCorporate Income Tax (iCIT) (iRhafu yeNgeniso yeQumrhu) eye yehla ngokucothayo eminyakeni; ukungeniswa kwerhafu yobutyebi – kunye nesicwangciso sokusebenza esingxamisekileyo ukubamba amaqumrhu angathobeli rhafu zezinye zeendlela ukwenza oku ekunokwenziwa ngayo izibonelelo zoluntu. UTholani Ngubane oneminyaka eyi75 ubudala, okhulisa abantwana abathandathu, ngumondlilusapho ekukuphela kwakhe. Inkamnkam kuphela komrholo wakhe awufumana rhoqo, kodwa ayanelanga, kwaye kufuneka rhoqo akhangele “imisetyenzana” esenza umsebenzi wasekhaya.

Ewe, abanye baza kuphikisana ngokuba unyuso lwenkamnkam alunakwenzeka, xa kuthathelwa ingqalelo imeko yeemali zaseMzantsi Afrika. Nangona kunjalo, njengoko kukhankanyiwe liqumrhu leepenshina lasePietermaritzburg, “ukunika zonke iipenshina ezingama3,5-miliyoni ibhonasi ngoDisemba 2018 ngekuchithe iR5.8-bhiliyoni, elinganayo neR5.57-bhiliyoni eyabekwa phambili ukulungiselela ii-e-toll”. Baqaphela nokuba, “kokona kubhadlileyo ukuba imali iye ngqo kwiipokothi zaseMzantsi Afrika ukunceda iipenshina eziyi3.5-miliyoni neentsapho zazo ize isebenze njengesikhuthazi ngokungenisa imali kuqoqosho lwengingqi kuneebhiliyoni eziya kwinkqubo yee-e-toll apho uninzi lwaloo mali iza kuya phesheya kolwandle, endaweni yokuba ibuyele kurhulumente ngeendlela ezahlukeneyo iRhafuntengo (iVAT), yaphucula iziphumo zezemfundo nezempilo, ukunyuka kokujikeleza kwemali ezilokishini kunye namanqanaba etyala aphantsi eemiliyoni abemi baseMzantsi Afrika”.

Le meko iqinisekiswe luphando olubonisa ukuba ukunyusa isabelo sengeniso sabahluphekayo kulungele uhlumo lwezoqoqosho. Iqela lobulungisa bezoqoqosho, iPietermaritzburg Economic Justice kunye neDignity (iPMBEJD), lixoxe ngokuba ukuqondwa kwezibonelelo zoluntu ezinje ngenkamnkam

Iimeko zamakhaya anje ngelikaDineo Makgema noTholani Ngubane ziqinisekisa ukubaluleka  bokuza neendlela ngokungxamisekileyo ukunika uncedo olunengqiqo ngokoqoqosho kumakhaya asokolayo ukuzondla.

UKoketso Moeti unemvelaphi ende kubutshantliziyo babemi kwaye uthe eminyakeni wasebenza kwinkalo yolawulo lwentsebenziswano, unxibelelwano kunye nakwinyathelo labemi. Ngumseki womlawuli wesigqeba weamandla.mobi.  Ngowe2019 wabhengezwa njengeAtlantic Fellow for Racial Equity. Ungeniswe kwakhona esikhundleni njengeObama Foundation Fellow neAspen New Voices Senior Fellow. Mlandele kuTwitter apha @Kmoeti

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More