Ngomhla we8 Agasti iamandla.mobi ikunye neSonke Gender Justice zizame ukudlulisela iphulo, zixhaswa ngabantu abangaphezulu kwama3, 000, zicela ukuzinikela ekuphuhlisweni nasekuphumezeni iNational Strategic Plan on Gender-Based Violence (GBV).
UMphathiswa wayekwi ‘SheEO Sleepout’ ngosuku iphulo elalifanele ukuba lingenisiwe ngalo. Ngokwayamene newebhusayithi yayo, iSheEO Sleep yayijonge “ukudala ukwazisa, ukukhuthaza ukuthatyathwa kwenxaxheba & ukuxhokonxa isizwe ukuba sixhase & sixhobise uluntu olusesichengeni”. UMphathiswa Susan Shabangu kuxelwe ukuba ucele ukuba indawo nomhla zitshintshiwe ngako oko umsitho “unokusetyenziswa njengesixhobo sokwazisa ngobundlobongela obusekelwe kwisini”.
“UMphathiswa, onikwe uxanduva lokuxhasa amaxhoba eGBV ufanele ukuba wenza okungaphaya ngaphandle kokwazisa. Ufanele ukuba usebenzisa amagunya akhe ngokweziko ukuphendula kwimo emaxongo ejongene namabhinqa”, utshilo uKoketso Moeti, umlawuli wesigqeba weamandla.mobi
Kucacile ukuba abantu bayaxhokonxwa, amawaka axhasa isimemezelo samaqumrhu anje ngeSonke Gender Justice ebesoloko ekhokele lo mba.
Siyaqonda ukuba iSebe lezaMabhinqa liza kube lisingethe iincoko zeGBV kwaye nokuba inqaku lomba lezi liphawula ukuba ubundlobongela kumabhinqa linyathelo eliphambili kwiSebe lakhe, okwahluke kakhulu kwathe wakutsho ngaphambili. Kodwa kwangaxeshanye, sikwaqaphela ukuba amanyathelo esebe awangqinelani noku kwaye kwakhona oku akuhlangatyezwana nako ngongxamiseko olufanelekileyo.
“Nangona salelwa ukufikelela kwiConstitutional Hill ukungenisa iphulo kuMphathiswa, siza kuqhubeka nokuhlaba ikhwelo kwisebe ukuba liqinisekise uphumezonkonzo olungcono kumaxhoba obundlobongela, kuhlangatyezwana nomba obalulekileyo wokuqala wokunqanda iGBV nokunatyiswa kweenkqubo zokunqanda ezihlangabezana nemikhwa yesini eyingozi kunye nezini ezinobundlobongela” utshilo uKoketso Moeti.
“Ixesha lobomi bamabhinqa liyaphela, kucace kakhulu ukuba kuninzi okufunekayo kunokuba kube kusaziswa. Nanjengoko ingxelo nganye ngebhinqa elibulewe yindoda ibonisa, iziphumo zokungenzi nto zingayingozi” uqukumbele watsho uMoeti.
Isiphelo/
Ngolwazi oluthe vetshe nangodliwanondlebe, qhagamshelana no-:
Koketso Moeti
082 583 5869
koketso@amandla.mobi