IiTop-up zimele ukuba zenziwe zaba sisigxina

IAmandla.mobi idanile ukuba zonke iitop-up ziyapheliswa ngoNovemba. Ukuhlaliswa ngendlu ukuphendula kubhubhane iCOVID-19 kwagqibelela kukuphulukana nemisebenzi kwaye kwabeka iintsapho ezininzi kwindlala1. Uhlalutyo lwe-NIDS-CRAM data2 lubonisa ukuba iitop-up kunye nezibonelelo ezisandula kungeniswa zazilungelelene nabahluphekileyo kwaye zinciphise indlala3. Ngaphezulu kwabantu abangama30 miliyoni abahlala ngokuphambili kwizindlu ezikhokelwa ngamabhinqa aza kuchaphazeleka ngokubalaseleyo.

NgokoMlawuli wesiGqeba weamandla.mobi, uKoketso Moeti, ‘’kwenzeka njani ukuba urhulumente afumane amaR10.5 bhiliyoni ukunceda iSouth African Airways, kodwa akakwazi ukufumana imali yokuxhasa abantu abasokolayo neentsapho zabo ngokunjalo elizweni? OKANYE Nangona amalungu ethu etsalele uNondyebo iminxeba amawaka ngamawaka echaza indlela ezibaluleke ngayo iitop-up ukuphila ngeli xesha lobunzima, urhulumente uyazicima iitop-up. Kodwa siza kuqhubeka ukulwela ukunyuswa kwezibonelelo ukuze kungabikho namnye eMzantsi Afrika omakalambe baze bonke abanye baphile ngesidima,’’

Oqhuba iPhulo oNganeno uTlou Seopa uthi, ‘’ngokungongezi iChild Support Grant (iCSG) (isiBonelelo seNkxaso yabaNtwana) ngokusisigxina kwaye kwandiswe ngomntwana ngamnye, umgaqonkqubo wesibonelelo sikarhulumente uchasene namabhinqa kwaye uchasene nabahluphekileyo’’

Ngaphezulu kwama500 000 amalungu eamandla.mobi, ngokuphambili amabhinqa ahluphekayo aNtsundu, asayina kumaphulo ethu enyanzela ukuba urhulumente anyuse iCSG kunye nesibonelelo sabakumhlalaphantsi. Baza kuqhubeka nokunyanzela ukunyusa, kuba balwela ukuba iintsapho zabo zondliwe. Njengoko omnye wamalungu ethu esibhalele, ‘’Ndicinga ukuba kulihlazo ukuyeka isongezo. Ndingumondli ekukuphela kwakhe wabantwana aba2, omnye wabo uphila nokukhubazeka kwaye nomyeni wam ulele ngendlu ebhedini. Isongezo sindincede kakhulu ukukwazi ukuzondla nokondla usapho lwam.’’

Ngolwazi oluthe vetshe nangodliwanondlebe:

Koketso Moeti

Amandla.mobi: UMlawuli wesiGqeba
Iselula: +27 82 583 5869
I-imeyile: koketso@amandla.mobi

UTlou Seopa
Amandla.mobi: OQhuba iPhulo
Iselula: +27 81 761 5326
I-imeyile: tlou@amandla.mobi

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More