Isinyanzelo setshekhi ye13 yooMhakhulu

Naphambi kweCOVID-19, inani elikhulu labahlali baseMzantsi Afrika bebesokola ukugxotha ikati eziko kwaye yiyo loo nto babenyanzelisa ukuba imiyinge yesibonelelo inyuke ukufikelela kwizidingo ezisisiseko. Eamandla.mobi, amaphulo ethu okunyanzelisa itshekhi ye13 yooMhakhulu kunye nokunyuswa kwamaR500 eSibonelelo seNkxaso yaBantwana asayinwa ngabantu abangama500K.

Izongezo zexeshana ukunceda abaxhamli ekuqaleni kokuhlaliswa ngendlu ngeCOVID-19 yayiziindaba ezamkelekayo ngenxa yokulindeleka kokunyuka kwentswelangqesho neendleko ezinyukayo. Nangona iCoronavirus isekhona, izongezo zona azikho, kushiya abantwana abaninzi, ooMhakhulu, oomama kunye nabangaphangeliyo bephila nzima.

Ngomsebenzi wethu namalungu ethu namaqumrhu angoomasibambisane ethu, siyaqhagamshelana nabantu abaninzi abachaphazelekileyo ukubandakanya nooMhakhulu, abaxhamli beCSG nabangaphangeliyo. Ngokuye imizabalazo yabahlali jikelele baseMzantsi, ngelishwa, inyuka ngokuxhaphakileyo, la mabali kufuneka abe yinxenye yonxibelelwano olubhaliweyo loluntu kwaye amajelo eendaba angadlala indima ebalulekileyo ngokubhala ngendlala kunye ngokungoneli kwemiyinge yesibonelelo.

Njengoko uMhakhulu uFikile Gumede etshilo, “Imali ayanelanga. Andikwazi ukuthengela mna okanye abazukulwana bam impahla. Uthenga irayisi, iitapile kunye nomgubo ibe seyiphelile imali. Nditsho nangoku, andinawukwazi ukuthengela abazukulwana bam impahla yeKrisimesi. Futhi nemali ayisahlawulwa kwangexesha. Sicela urhulumente ukuba asimamele.”

Ukuba unomdla wokuthetha noomhakhulu, singakonwabela ukukuqhagamshelanisa kunye nawe.

Ngolwazi oluthe vetshe nangodliwanondlebe:

UTlou Seopa

Amandla.mobi: OQhuba iPhulo

Iselula: +27 81 761 5326

I-imeyile: tlou@amandla.mobi

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More