Isinyanzelo setshekhi ye13 yooMhakhulu
Naphambi kweCOVID-19, inani elikhulu labahlali baseMzantsi Afrika bebesokola ukugxotha ikati eziko kwaye yiyo loo nto babenyanzelisa ukuba imiyinge yesibonelelo inyuke ukufikelela kwizidingo ezisisiseko. Eamandla.mobi, amaphulo ethu okunyanzelisa itshekhi ye13 yooMhakhulu kunye nokunyuswa kwamaR500 eSibonelelo seNkxaso yaBantwana asayinwa ngabantu abangama500K. Izongezo zexeshana ukunceda abaxhamli ekuqaleni kokuhlaliswa ngendlu ngeCOVID-19 yayiziindaba ezamkelekayo ngenxa yokulindeleka kokunyuka kwentswelangqesho neendleko ezinyukayo. […]