Ngaphezulu kwabantu abangama-49 000 bamemezela ukuba urhulumente arhumise irhafu izityebi ukuxhasa amalinge abantu abahluphekayo

Ngaphambili kwentetho yohlahlolwabiwomali yoMphathiswa uTito Mboweni, iqumrhu logayo lwenkxaso loluntu iamandla.mobi lingenisa iphulo limemezela ukuba izityebi zirhunyiswe irhafu ukuqaphela amalinge aza kunceda iimiliyoni zabantu eMzantsi abasokolayo ukunyamezela iimpembelelo zikabhubhane weCOVID-19. Ixhaswa ngabantu abangaphezulu kwama49 000, izinyanzelo ezingundoqo zephulo kukunyuka okungxamisekileyo kwePersonal Income Tax (iPIT) kubantu abarhola ngaphezulu kweR1 miliyoni, kunye nokuzinikela ekungeniseni izinga lexabiso eliphezulu […]