Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe, Natasha Mhlanga, Ritza Mandleni, Queen Mdluli kunye noMinothando Hlanganyana
La maqabane ma6 aza kuchitha ezi nyanga zine zilandelayo eqeqeshwa kwaye exhotyiswa ngezakhono nezixhobo zokuqhuba iphulo ukuze sibe nako ukuxhasa ngokungcono amalungu eamandla.mobi anje ngawe ukuba aphumelele amaphulo angaphaya ukulungiselela ubulungisa. Silangazelela ukusebenza nabo ukwakha amandla abantu kwiingingqi zabo.