Iziphumo zika2023 zeSaveyi yamaLungu, sinje ke thina nesizathu sokuba sibe siyalwa

Siqhube isaveyi yamalungu kunyaka ophelileyo ukuqonda ukuba amalungu ethu abandakanya bani na, ahlala phi na kwaye yintoni eyenza ukuba babe bangamalungu eamandla.mobi. Ezi mpendulo ke ngoku zisinika ithuba lokumisela iajenda esithi sonke ngokuhlangeneyo sithathe izigqibo ngayo. Okwangoku uninzi lwamanyathelo ephulo ukusukela kulo nyaka aqingqwa ziziphumo zesaveyi yamalungu. “Ndikholelwa ukuba iamandla.mobi idlala indima ebalulekileyo ekuqhubeni iindawo […]