Iziphumo zika2023 zeSaveyi yamaLungu, sinje ke thina nesizathu sokuba sibe siyalwa

Siqhube isaveyi yamalungu kunyaka ophelileyo ukuqonda ukuba amalungu ethu abandakanya bani na, ahlala phi na kwaye yintoni eyenza ukuba babe bangamalungu eamandla.mobi. Ezi mpendulo ke ngoku zisinika ithuba lokumisela iajenda esithi sonke ngokuhlangeneyo sithathe izigqibo ngayo. Okwangoku uninzi lwamanyathelo ephulo ukusukela kulo nyaka aqingqwa ziziphumo zesaveyi yamalungu. “Ndikholelwa ukuba iamandla.mobi idlala indima ebalulekileyo ekuqhubeni iindawo […]

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe, Natasha Mhlanga, Ritza Mandleni, Queen Mdluli kunye noMinothando Hlanganyana La maqabane ma6 aza kuchitha ezi nyanga zine zilandelayo eqeqeshwa kwaye exhotyiswa ngezakhono nezixhobo zokuqhuba iphulo ukuze sibe nako ukuxhasa ngokungcono amalungu eamandla.mobi anje ngawe ukuba […]

Yekani iintlanganiso zabucala ezingekho sidlangalaleni phakathi korhulumente namashishini amakhulu

Yiba nomfanekisongqondweni utitshala wakho etshaya eklasini. Abanye bethu, le yayiyinyaniso kwade kwabe kubekwa imigaqo emitsha ngurhulumente ngowe1993 [1]. Kodwa kwakutheni urhulumente aze angathathi nyathelo kwangoko? Kwiphepha labo elalipapashwe ngowe2003, uMia Malan noRosemary Leaver bandlala ubudlelane phakathi kwelona shishini lecuba likhulu norhulumente [2] [3]. Urhulumente ekugqibeleni ude wabeka impilo yoluntu yoluntu phambili kweenzuzo, siyabulela kumatshantliziyo ezempilo. […]

Iziphumo zesaveyi yeR350 zibonisa ukuba uSASSA makathathe inyathelo

Nge1 Okthobha 2021, siphehlelele isaveyi ukuhlanganisa ubungqina obufunekayo ukudandalazisa iingxaki ezingundoqo kwaye sibonise uSASSA ukuba mabathabathe amanyathelo. Ezinye zeziphumo zethu ezingundoqo kwisaveyi yezibonelelo zeR350: ●        Ngaphezulu kwesiqingatha sabo bafaka izicelo zesibonelelo seR350 zakhatywa. Uninzi lwabo izicelo zabo zakhatywa okanye abazange bakwazi ukuthumela izicelo zabo ngenxa yeemeko zobuchwepheshe ngenkqubo yeSASSA. ●        Ama24% abantu athi akuzange kubekho […]

Iziphumo zesaveyi yezibonelelo zoluntu zibonisa isidingo esingaphaya sokunyusa izibonelelo

Siqhube isaveyi ukuqonda nokufumanisa ukuba ingaba iingxaki zintsha okanye ukuba abafumani besibonelelo bahlelwe kokufanayo nezinye izibonelelomali zoluntu. Amalungu amaninzi eamandla.mobi ancedisa ekutshutshiseni kuMongameli Ramaphosa ukuba abuyise isibonelelo seR350 aze abandakanye ubuncinane babakhathaleli abangekho ngqeshweni. Ukubuya kwesibonelelo esinguR350 ngoJulayi 2021 kwabonisa ukuphucuka kweendlela zokuhluza ukufaneleka, abakhathaleli abangekho ngqeshweni befanelekile ukufumana isibonelelo. Nangona kunjalo, amalungu amaninzi eamandla.mobi […]

Yekani iintlanganiso zabucala ezingekho sidlangalaleni phakathi korhulumente namashishini amakhulu

Yiba nomfanekisongqondweni utitshala wakho etshaya eklasini. Abanye bethu, le yayiyinyaniso kwade kwabe kubekwa imigaqo emitsha ngurhulumente ngowe1993 [1]. Kodwa kwakutheni urhulumente aze angathathi nyathelo kwangoko? Kwiphepha labo elalipapashwe ngowe2003, uMia Malan noRosemary Leaver bandlala ubudlelane phakathi kwelona shishini lecuba likhulu norhulumente [2] [3]. Urhulumente ekugqibeleni ude wabeka impilo yoluntu yoluntu phambili kweenzuzo, siyabulela kumatshantliziyo ezempilo. […]

Ngaphezulu kwabantu abangama-49 000 bamemezela ukuba urhulumente arhumise irhafu izityebi ukuxhasa amalinge abantu abahluphekayo

Ngaphambili kwentetho yohlahlolwabiwomali yoMphathiswa uTito Mboweni, iqumrhu logayo lwenkxaso loluntu iamandla.mobi lingenisa iphulo limemezela ukuba izityebi zirhunyiswe irhafu ukuqaphela amalinge aza kunceda iimiliyoni zabantu eMzantsi abasokolayo ukunyamezela iimpembelelo zikabhubhane weCOVID-19. Ixhaswa ngabantu abangaphezulu kwama49 000, izinyanzelo ezingundoqo zephulo kukunyuka okungxamisekileyo kwePersonal Income Tax (iPIT) kubantu abarhola ngaphezulu kweR1 miliyoni, kunye nokuzinikela ekungeniseni izinga lexabiso eliphezulu […]

Isinyanzelo setshekhi ye13 yooMhakhulu

Naphambi kweCOVID-19, inani elikhulu labahlali baseMzantsi Afrika bebesokola ukugxotha ikati eziko kwaye yiyo loo nto babenyanzelisa ukuba imiyinge yesibonelelo inyuke ukufikelela kwizidingo ezisisiseko. Eamandla.mobi, amaphulo ethu okunyanzelisa itshekhi ye13 yooMhakhulu kunye nokunyuswa kwamaR500 eSibonelelo seNkxaso yaBantwana asayinwa ngabantu abangama500K. Izongezo zexeshana ukunceda abaxhamli ekuqaleni kokuhlaliswa ngendlu ngeCOVID-19 yayiziindaba ezamkelekayo ngenxa yokulindeleka kokunyuka kwentswelangqesho neendleko ezinyukayo. […]

Iinzame zesibonelelo sikarhulumente seCovid-19 zidanise abahluphekileyo

Ukusabela kukarhulumente kwiCOVID-19 kudandalazise iinyani ezininzi ebezikhona phambi kokuqalisa kobhubhane: amazinga aphezulu okungalingani kunye namazinga aphezulu entswelangqesho (ngalo mzuzu ngama30% kwaye athelekelelwa ukuba aza kunyuka ayokutsho kuma50%). Ukusabela kukarhulumente kwiCOVID-19 kudandalazise iinyani ezininzi ebezikhona phambi kokuqalisa kobhubhane: amazinga aphezulu okungalingani kunye namazinga aphezulu entswelangqesho (ngalo mzuzu ngama30% kwaye athelekelelwa ukuba aza kunyuka ayokutsho kuma50%). Omnye […]

Isicwangciso esindululweyo senye indlela yobugcisa bokufundisa ngentlalo ngexesha likabhubhane

Singootitshala kwicandelo lasemva kwemfundo yesikolo kuMzantsi Afrika jikelele. Sidibene kwiindawo zeengxoxo ezahlukahlukeneyo kwinyanga edlulileyo ukuxoxa ngemithethosiseko, izithethe kunye nokunokwenzeka kokufunda nokufundisa eMzantsi Afrika ngexesha nasemva kwexesha leCOVID-19 Global Disaster. Imbulambethe Singootitshala kwicandelo lasemva kwemfundo yesikolo kuMzantsi Afrika jikelele. Sidibene kwiindawo zeengxoxo ezahlukahlukeneyo kwinyanga edlulileyo ukuxoxa ngemithethosiseko, izithethe kunye nokunokwenzeka kokufunda nokufundisa eMzantsi Afrika ngexesha nasemva […]

UVodacom uthoba amaxabiso edatha

UVodacom uthathe inyathelo elilungileyo apho abhengeze ukuba uza kuthoba amaxabiso edatha ukusukela ku1 Epreli kwaye oku kuthotywa kwamaxabiso kokokuqala. UVodacom uthathe inyathelo elilungileyo apho abhengeze ukuba uza kuthoba amaxabiso edatha ukusukela ku1 Epreli, kwaye oku kuthotywa kwamaxabiso kokokuqala. Luthungelwano lokuqala ukulungisa neKhomishini yoKhuphiswano kunokuba ijongane nokumangalelwa. Oku kukhulu. Amaxabiso azo zonke iibundle aza kuhla ngokubonakalayo; […]

Ihlelo lomlandu weziganeko leData Must Fall

Ukusukela ekuqhankqalazeni ngaphandle kwenkundla ephakamileyo, ukugcwalisa izingeniso zeICASA, ukuhlaba imirhumo ye-out-of-bundle nguVodacom ngoOkthobha 2017, ukuphunyezwa kwemigaqo yeICASA yabasebenzisi kunye noMyalelo weKhomishini yoKhuphiswano yabasebenza ngothungelwano lwezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo ukunciphisa amaxabiso edatha ngo30% ukuya ku50%. Apha ngezantsi lihlelo lomlandu weziganeko elipheleleyo lePhulo leData Must Fall. Iphulo leData Must Fall libe namahlandinyuka. Ukusukela ekuqhankqalazeni ngaphandle kwenkundla ephakamileyo, ukugcwalisa […]

IiTop-up zimele ukuba zenziwe zaba sisigxina

IAmandla.mobi idanile ukuba zonke iitop-up ziyapheliswa ngoNovemba. Ukuhlaliswa ngendlu ukuphendula kubhubhane iCOVID-19 kwagqibelela kukuphulukana nemisebenzi kwaye kwabeka iintsapho ezininzi kwindlala1. Uhlalutyo lwe-NIDS-CRAM data2 lubonisa ukuba iitop-up kunye nezibonelelo ezisandula kungeniswa zazilungelelene nabahluphekileyo kwaye zinciphise indlala3. Ngaphezulu kwabantu abangama30 miliyoni abahlala ngokuphambili kwizindlu ezikhokelwa ngamabhinqa aza kuchaphazeleka ngokubalaseleyo. NgokoMlawuli wesiGqeba weamandla.mobi, uKoketso Moeti, ‘’kwenzeka njani ukuba […]

INkulumbuso yephondo yaseMzantsi Afrika yomboniso bhanyabhanya weLGBTIQ Under the Rainbow

Joyina umenzi womfanekiso bhanyabhanya olibhinqa elithandana namabhinqa elinguMnayijeriya uPamela Adie eAFDA eBraamfontein Werf ngoOkthobha 12, 2019, eyokuqala ngqa inkqubombaliselo yomboniso bhanyabhanya ukuvezwa kwisikrini saseMzantsi Afrika, ‘Under the Rainbow’. Ngexesha kukho iimpawu zenkqubelaphambili, ezinje ngokwenza ukuthandana kwabantu abasini sinye kungabi lulo ulwaphulomthetho lwakutshanje eBotswana, ubomi kuluntu lweLGBTIQ kumazwekazi aseAfrika amaninzi kusenzima – kwaye futhi kuyingozi. Koku […]

I-NHI yabantu ibalulekile kwaye inokwenzeka

*Ukwazisa* Siyabulela kuni nonke malungu ethu noomasibambisane bethu ngokunjalo. Sisonke, singenise ngaphezulu kwama170,000 ezingeniso zikawonkewonke kuhlatywa ikhwelo leNHI ebasebenzelayo abantu. Eli linyathelo lokuqala elibalulekileyo ekuqingqeni ukuphunyezwa kokhathalelo lwezempilo olusemgangathweni kumntu wonke. *Qaphela ukuba sisilungisile kwakhona isingeniso sethu phantsi kwemixholo emibini; uxanduva lokuphendula kunye nemithombo. Nangona kunjalo, okupowustiweyo kweblog kokuqala ingafumaneka apha ngezantsi* Unegunya lokuqingqa iNHI […]

Nceda iOfisi yeeNgcebiso yabaSebenzi beziNgxungxo yakhe kwakhona ngokunikela

*Ukwazisa* Siyabulela kuwo onke amalungu ethu. Sikhuphe ngaphezulu kwamaR35,000 eOfisi yeeNgcebiso yaBasebenzi abaNgxungxileyo (Casual Workers Advice Office). Omnye woomasibambisane beamandla.mobi, iCasual Workers Advice Office (iCWAO), kwaphangwa kwatshiswa iiofisi zabo ngobusuku bangoMvulo 2 Septemba [1]. Eli lilishwa elikhulu kwiqumrhu ebelixhasa ngandlela zonke abasebenzi abangxungxileyo ukulwela isidima, ngokunika inkxaso yoququzelelo kunye neengcebiso zomthetho simahla. Kulo nyaka uphelileyo […]

UCimicimi woMbane uGxininisa ukubaluleka kwemigaqo ye-ICASA

Amathungelwano ezixhobo zonxibelelwano eziphathwayo ezingundoqo seyetshilo ukuba ucimicimi wombane, abangenalawulo lwawo, uza kuba nempembelelo embi ekunciphiseni indleko yedatha. Nangona kunjalo, abathengi akufuneki bahlawule ixabiso ingakumbi kukho imigaqo ekhoyo emele ukuba iyabakhusela ekungafumanini imbuyekezo efanelekileyo ngemali oyichithileyo ngemveliso ngale ndlela. NguKoketso Moeti Phantse inyanga yonke, uMzantsi Afrika ubukucimicimi wombane ngotshintshiselwano – okanye ucimicimi ongapheliyo – ngenxa […]

Lixesha lotyalomali olubalaseleyo ngenkamnkam

Lixesha lotyalomali olubalaseleyo ngenkamnkamNguKoketso Moeti * Inqakwana elibhaliweyo lalipapashwe okokuqala yiDaily Maverick. Asakube amalungu ePalamente ekwikhaphethi ebomvu kwiState of the Nation Address (iSONA) (INtetho yeMo yeSizwe) sonyaka , abapenshinileyo bePietermaritzburg Pensioners Forum bema ngaphandle benethemba lokungenisa iphulo labo kuMongameli. Babecela ukuba ipenshini inyuswe ibe ngamaR2 500 ngenyanga okwangoku, njengenyathelo lokulinganisa neNational Minimum Wage (uMvuzo oPhantsi […]

Iamandla.mobi ibeka amehlo ayo kwi-ICASA ukuthoba amaxabiso edatha ize ikhusele abathengi

Ukungabikho kwedatha efikelelekayo kuza kwenza abantu babuye umva ekufikeleleni kwiinkonzo ezibalulekileyo kweli xesha lobuxhakaxhaka bale mihla, litsho iqela logayo lwenkxaso loluntu iamandla.mobi. Iamandla.mobi yamkele imigaqo endululweyo yeIndependent Communications Authority of South Africa (i-ICASA) (uGunyaziwe wezoNxibelelwano oZimeleyo woMzantsi Afrika) ukuxhasa ukuthoba indleko yokufikelela kwidatha neyonxibelelwano. Njengequmrhu elimsebenzi walo ujolise kumabhinqa antsundu oluntu olurhola umvuzo ophantsi, inkxalabo […]

Iamandla.mobi iyasixhasa isimemezelo seNational Strategic Plan sobundlobongela obusekelwe kwisini

Ngomhla we8 Agasti iamandla.mobi ikunye neSonke Gender Justice zizame ukudlulisela iphulo, zixhaswa ngabantu abangaphezulu kwama3, 000, zicela ukuzinikela ekuphuhlisweni nasekuphumezeni iNational Strategic Plan on Gender-Based Violence (GBV). UMphathiswa wayekwi ‘SheEO Sleepout’ ngosuku iphulo elalifanele ukuba lingenisiwe ngalo. Ngokwayamene newebhusayithi yayo, iSheEO Sleep yayijonge “ukudala ukwazisa, ukukhuthaza ukuthatyathwa kwenxaxheba & ukuxhokonxa isizwe ukuba sixhase & sixhobise […]

Iqumrhu loluntu limemezela ukuba iRobertson Winery ikutshwe eWineX

IRand Merchant Bank WineX Festival iyaqalisa ngoLwesithathu, 26 Okthobha 2016 eSandton Convention Centre apho iRobertson Winery iza kubonisa iimveliso zayo – ngosuku olunye oluza kube luphawula iveki ye9 yoqhankqalazo lwabasebenzi baseRobertson Winery lomrholo owanele izidingo. Abasebenzi ngalo mzuzu bamkela phakathi kwamaR2,900 – R3,500 phambi koxulo.  Eli lilizwe apho kuchithwa amaR3,027 ngenyanga ukondla usapho lwabantu abahlanu […]