IAmandla.mobi igadlela ukuthintelwa kweSikhephe samaBhinqa esiya eGaza ihlaba ikhwelo ukuba amakhosikazi asesikhepheni akhululwe, ukuquka nommi waseMzantsi Afrika uLeigh-Ann Naidoo.
Iqumrhu loluntu liyaqonda ngokuthintelwa kweSikhephe saMabhinqa esiya eGaza nguSirayeli (Women’s Boat to Gaza) (iWBG), iqela lamabhinqa ahamba ngesikhephe ukuzama akwaphula ukurhangqa indawo ethile ngemikhosi okanye ngeenqanawa ukuthintela ukuphuma nokungena kwabantu nezinto yamaSirayeli okungekho ePalestinian Gaza Strip.
“Sikubona kungamkelekanga ukuba nangona kukho ezi zigrogriso zoluntu nguSirayeli, kwaye kungalityalwanga inyaniso yokuba omnye wamavolontiya osesikhepheni ngummi waseMzantsi Afrika, uLeigh-Ann Naidoo iqhawe lezeOlimpiki nolitshantliziyo, iSebe lezoBudlelane baMazwe ngaMazwe (Department of International Relations) (iDIRCO) lisathule” utshilo uKoketso Moeti, umlawuli wesigqeba weamandla.mobi.
Omabini amaqumrhu kunye nabantu ngokuzimeleyo bahlaba ikhwelo kuluntu lwamazwe ngamazwe, ukubandakanya norhulumente okhokelwa yiANC, ukucela isiqinisekiso sokubuyela ekhaya ngendlela ekhuselekileyo nengenasithintelo, kunye nokuthatha isigqibo ukulwa ukurhangqwa kweGaza ngemikhosi okanye ngeenqanawa ukuthintela ukuphuma nokungena kwabantu nezinto ngaMasirayeli okungekho mthethweni. IZaytouna yayihamba kumanzi amazwe ngamazwe kwaye ngendlela esemthethweni, ngokuzolileyo kungekho kugrogriswa, ukungenisa okanye ukukhupha impahla ngokungekho mthethweni okanye izixhobo.
UMoeti ukhuthaza iOfisi yoBongameli yaseSA ukuba ithabathe amanyathelo ngokungxamisekileyo ukuqinisekisa ukhuseleko lawo onke amabhinqa akule ngxaki, ukubandakanya noLeigh-Ann Naidoo. Kunyanzelekile ukuba urhulumente waseSA anike ummi wakhe ukhuseleko olufanelekileyo.
Ngokwayamene neIsraeli Defence Force (i-IDF) (ezoMkhosi woKhuseleko wakwaSirayeli), isikhephe sathinjwa ngaphandle kobudlova okanye nakuphi na ukuxhathisa kumatshantliziyo ali-13 akwisikhephe. Kulusizi ukuba nangona kokuphulukana kwabantu nobomi okubangelwe luphango elwandle olungekho mthethweni lwaMasirayeli kumanzi amazwe ngamazwe, ulawulo lwaMasirayeli kwakhona luphinde umkhuba wolwaphulomthetho walo. Ngokukwanjalo, akuxoleleki ukuba iZizwe eziManyeneyo kunye neBhunga lezoKhuseleko lazo (United Nations kunye neBhunga lezoKhuseleko layo) zisilele ukutyityimbisela umnwe uSirayeli ukuba angaqhubeki nokugrogrisa kwakhe ukuhlasela iWBG.
Ngoko ke sihlaba ikhwelo kwiOfisi yoBongameli yaseSA ukuba ithabathe amanyathelo ngokungxamisekileyo ukuqinisekisa ukhuseleko lawo onke amabhinqa akule ngxaki, ukubandakanya noLeigh-Ann Naidoo. Kunyanzelekile ukuba urhulumente waseSA anike ummi wakhe ukhuseleko olufanelekileyo” uyagqibezela uMoeti.
Uluntu lwamazwe ngamazwe, ukuquka norhulumente okhokelwa yiANC, kufuneka bangenelele ukunqanda uSirayeli ukuqhuba olo lwaphulomthetho eluntwini, ulwaphulomthetho eluqhuba rhoqo ngaphandle kokohlwaywa ngokugqibeleleyo.
Isiphelo/
Ngolwazi oluthe vetshe nangodliwanondlebe, qhagamshelana no-:
Koketso Moeti
082 583 5869 / koketso@amandla.mobi