I-NHI yabantu ibalulekile kwaye inokwenzeka

*Ukwazisa* Siyabulela kuni nonke malungu ethu noomasibambisane bethu ngokunjalo. Sisonke, singenise ngaphezulu kwama170,000 ezingeniso zikawonkewonke kuhlatywa ikhwelo leNHI ebasebenzelayo abantu. Eli linyathelo lokuqala elibalulekileyo ekuqingqeni ukuphunyezwa kokhathalelo lwezempilo olusemgangathweni kumntu wonke.

*Qaphela ukuba sisilungisile kwakhona isingeniso sethu phantsi kwemixholo emibini; uxanduva lokuphendula kunye nemithombo. Nangona kunjalo, okupowustiweyo kweblog kokuqala ingafumaneka apha ngezantsi*

Unegunya lokuqingqa iNHI ukuphumeza ukhathalelo lwezempilo olusemgangathweni kumntu wonke. Kodwa kufuneka sithabathe amanyathelo ngoku, ixesha esinalo liyaphela ngoLwesihlanu 29 Novemba, ukuba sivakalise izimvo zethu. Thumela isingeniso sakho apha: https://awethu.amandla.mobi/petitions/demand-an-nhi-that-works-for-the-people

UMphathiswa uZweli Mkhize uthe thaca umthetho osayilwayo weNational Health Insurance (iNHI) epalamente [1]. Inobunzinyana, kodwa okuphambili iNHI luhlaziyo olujonge ukuphucula indlela imithombo yokhathelelo lwezempilo emayabiwe ngayo, kunokuba nenkqubo enye yezityebi ize enye ibe yabahluphekayo, njengokuba sisenzeka njalo ngoku.

Umzekelo; ngalo mzuzu, ukuba umsebenzi wasekhaya waseAlexandra uyagula, kufuneka alinde emgceni omde eklinikhi karhulumente yengingqi, ngelixa abo bahlala eSandton abanoncedo lwezonyango banokuthi bafumane ukhathalelo lwezonyango ngoko nangoko. Kodwa phantsi kweNHI, kunokubakho uncedomali lwezempilo olungaphaya, ngoko ke iklinikhi karhulumente yaseAlex inokuma namaxesha okulinda amafutshane ngenxa yoogqirha abangaphaya. Ukuba iklinikhi karhulumente yaseAlex ayinayo ingcali, iklinikhi leyo ingadlulisela umsebenzi wasekhaya kweyona ngcali ikufutshane. Nokuba ngaba le ngcali ikwisibhedlele sabucala eSandton, uncedomali lweNHI luza kukuhlawulela oku.

1) Uxanduva lokuphendula

– Amanyathelo abonakalayo okuphelisa urhwaphilizo, ukwandisa uxanduva lokuphendula kuze kupheliswe ukuthatha
Ukungalingani norhwaphilizo kuyathungelana, eSA, urhwaphilizo luphawu lwamaziko abucala nakarhulumente. Imigaqonkqubo yezoqoqosho engqongqo nenolondolozo ayiz’ ukunciphisa ukungalingani, kodwa izimvo ezixhasa inkqubelaphambili ezinje ngeNHI zingakunciphisa ukungalingani ukuba zenziwe kakuhle. Kodwa oku kunokuphunyezwa kuphela ukuba uncedomali lweNHI lunoxanduva lokuphendula kwaye ayinakubanjwa ngobhongwana mhlawumbi ngamaziko karhulumente okanye awabucala. Inkqubo yoqinisekiso kufuneka ingqinelane nenjongo yeNHI ukukhonza abantu, ize inike iinkonzo zezempilo ezonelisayo ukubonakalisa izidingo zezempilo.

– Ukuba selubala
Abantu kunye nabemi kufuneka bakwazi ukufikelela kulwazi ngokukhawuleza nangokulula simahla ngeenkqubo, izigqibo, iitransekshini neekontraki njl.njl.zeNHI. Ukuba selubala bakubandakanywe kumba ngamnye weNHI ukuze urhwaphilizo neminye imiba ichongwe ngokukhawuleza kuze kujongwane nayo.

– UkuPhunyezwa okuSebenzayo
Sinemithetho, imigaqonkqubo nemigaqo emininzi engqingqwa, kodwa ukuphunyezwa kwayo kubalulekile. INHI iza kwazisa utshintsho olukhulu kwinkqubo yethu yezempilo, kufuneka lulawulwe ngokusebenzayo kwaye utshintsho lwenzelwe ukujongana nemiba enokuthi gqi. Njengoko kukhankanyiwe liCandelo 27, “..njengoko umthetho osayilwayo usitsho, sibeka la maqumrhu matsha emthethweni, singenayo indlela yokubuyela umva ukuba iyasilela, kwaye ngaphandle kwawo nawaphi na amagatya enguqu anokuthi aphazamise ukuphunyezwa kwaye avumele ukufunda”. Oku kuthetha ukuba kufuneka kubekho iindlela zokuvavanya iinkqubo ezintsha namaqumrhu ngokunjalo phambi kokuba zisayinelwe ukuba zibe semthethweni. Oku kunokuthetha ukuba ibhodi yezikhalazo kufuneka iphunyezwe ukuze izigulane nabasebenzi baxele ezoo ngxaki.

– Ukwakhiwa kwebhodi neekomiti
Umthetho osayilwayo weNHI unika uMphathiswa wezempilo amagunya awodwa okukhetha ibhodi, kwaye ekunye nebhodi akhethe iikomiti ezahlukeneyo ukuba zibe kwiNHI. Oku kunika umphathiswa amagunya amaninzi kakhulu kwaye akumkhuseli ekusebenziseni amandla lawo ngokungafanelekanga. Abemi kufuneka babe neendlela ezaneleyo nomelo ngokunjalo kwibhodi nakwiikomiti ukuyekisa ukuba uncedomali lweNHI  lungabanjwa ngobhongwana ziinkampani ezinyolukileyo, ngoongxowankulu, oosopolitiki abarhwaphilizayo okanye abemithetho exabileyo ebambezelayo abangenaxanduva lakuphendula. Ulawulo olululo lubalulekile kwaye luthetha ukuba makwabelwe abaphantsi amagunya.

– Ukubekwa ngokomthetho icandelo lezempilo labucala
Ngengxelo yakutshanje yikomishini yokhuphiswano [2] ibonisa uxhamlowedwa lokunyoluka olukwicandelo labucala kunye nokunyuswa kwamaxabiso okuhlutha izigulane ukhathalelo olunobulungisa; kubalulekile ukuba icandelo labucala linikwe imigaqo engqongqo. Ufikelelo kwiinkonzo kwicandelo labucala kubo bonke abemi ngeNHI malungabonwa ngokuba lukhokela icandelo labucala njengenye indlela ephezulu [5]. Okunye uMthetho osaYilwayo ogqityweyo kunye nayiphi na eminye imigaqo kufuneka ingabi namathuba avelayo anokusetyenziswa kakubi licandelo labucala ngokufumana inzuzo nokujongela phantsi iNHI.

– Ukuphucula iinkonzo zokhathalelo lwezempilo
Urhulumente kufuneka andlale isicwangciso sendlela aza kulungisa ngayo iifasilithi zezempilo zangoku ukuqinisekisa ukuba zixhotyisiwe kwaye ziyakwazi ukuthwala izibophelelo zezempilo zabemi. INHI kufuneka iphucule icandelo lethu likarhulumente nelabucala ngokunyanzela imiGangatho enguNdoqo kaZwelonke (National Core Standards) kunye neNkqubo yeKlinikhi eFezekileyo (Ideal Clinic Programme). Uninzi lweefasilithi zokhathalelo lwezempilo zikarhulumente zethu ngalo mzuzu azihlangabezani neemfuno zesebe lezempilo [5], ngelixa uninzi lweefasilithi zabucala lujolise kwinzuzo, hayi impilo. UMthetho osaYilwayo kufuneka uqinisekise ngamaziko ezempilo karhulumente asemgangathweni aza kuchaphazela ukusebenza kokhathalelompilo lokuqala. Iiklinikhi zethu nezinye iziza kufuneka zibe semgangathweni kwimicimbi yogutyulo lwelindle, ulawulo nofikelelo. Amalungelo kunye nesidima sezigulane, abasebenzi kunye nabemi ngokubanzi ngokungaphaya, kufuneka baqinisekiswe, apho iinkqubo zethu zezempilo ziyasilela ukuxhasa oku, kufuneka kubekho inyathelo elikhawulezileyo kodwa elinobulungisa ukulungisa naziphi na izinto ezingalunganga kuze kuqinisekiswe ukuba imiba ayenzeki njalo njalo.

– Akukho mntu ungekho mthethweni
Ndiyayixhasa into yokuba iNHI ilungiselele abafuna ukukhuselwa kunye nabangenamaxwebhu okungena elizweni abafumana “(a) iinkonzo zezonyango zikaxakeka kunye (b) neenkonzo zezimompilo ezibonakalayo eziyinkxalabo kwimpilo yoluntu”. Ibashiya, nangona kunjalo, besesichengeni xa bejongene neengxaki zokugula ezimandundu, kwaye futhi zibohluthe isidima xa begula. UMzantsi Afrika mawungabambi imigaqonkqubo yokuBukulwa kwabemi bamazwe angaphandle, kwaye kubalulekile ukuba iNHI ingabonwa njengesinye isixhobo esisetyenziselwa ukushiya abangeneleli besesichengeni kwaye besengozini. Umthetho osayilwayo kufuneka ungabhekiseleli kwabangenamaxwebhu okungena elizweni njengabangekho mthethweni, kwaye bavumele ukuba wonke umntu afikelele kwiinkonzo zokhathalelompilo lokuqala ingabi ngobantwana nje kuphela.


2) Imithombo engaphaya, amanyathelo onyango neenkonzo kwabo banesidingo esingaphaya

– Inkqubo yezempilo yokuhlawulelwa kwabemi bonke liqumrhu elinye elinesinyanzelo sokubeka intlawulo kwangaphambili:
Ndikholelwa ukuba izityebi mazihlawule esazo isabelo esifanelekileyo kwaye kufuneka siphelise uncedo lwezonyango neenkampani zabucala ukuba zenze inzuzo. Inkqubo yezempilo yokuhlawulelwa kwabemi bonke liqumrhu elinye ibe nesinyanzelo sokuhlawula kwangaphambili iza kunceda ukuphumeza oku ngokuhlanganyelwa kwazo zonke iingxowa zibe kwingxowa enye apho zonke iinkonzo zezempilo ziza kuthengwa kuyo zize zihlawulwe, ukuhlangabezana neenjongo zezempilo. Intlawulo yangaphambili enyanzelekileyo inyanzela wonke umntu ahlawule esakhe isabelo esifanelekileyo kule ngxowamali ihlanganyelweyo. Uninzi lobutyebi eMzansi lwakhiwe ngokuxhatshazwa komhlaba wethu nabantu, ngako oko abazizityebi akufuneki baphume xa kubalungeleyo. Ukuxhasa ngemali iNHI, umanyano lwezentlalo oluyinene luthetha ukuba urhulumente nepalamente kufuneka banyuse irhafu yengeniso yobuqu kunye nerhafu yengeniso yequmrhu. Xa iinkampani zingayihlawulanga irhafu ngokufanelekileyo okanye zikuphephile ukuhlawula konke konke, thina bantu besinyanzelwa ukuba sithwale olo xanduva ngokunyuka kweVAT. Hayi kwakhona.

Ukuhlanganisa inkqubo yezempilo enamanqanaba amabini:
Ndiyakuxhasa ukuhlanganisa inkqubo yezempilo enamanqanaba amabini eyenza abanye abantu bonwabele iinkonzo zezempilo ezingcono kunabanye. Ndiyayixhasa ingxowamali yeNHI ukuba ihlawulele ngqo iinkonzo zeefasilithi zezempilo ukuze kungabikho banxibelelanisi bephondo okanye abangabanye abaza kwenza ngathi bangabathengi beenkonzo zezempilo.

– Ukwandisa iingcali kunye nabasebenzi bezempilo boluntu
Sifuna abasebenzi bezempilo boluntu abangaphaya, kwaye kufuneka babe ngabasebenzi abasisigxina abanolawulo olungqingqwa. AbaSebenzi bezeMpilo boLuntu kufuneka babe yinxenye engundoqo yeNHI kwaye apho iingxowamali ziya khona. Uninzi lweengcali zezonyango ngalo mzuzu lusebenza kwicandelo labucala, kwaye oku kufuneka kutshintshe ngeNHI. Ufikelelo kwiingcali ezahlukeneyo ezininzi kuza kunciphisa iyantlukwano phakathi kwecandelo lezempilo labucala nelikarhulumente. Ndiyakuxhasa ukuba wonke umntu ngoku uza kufikelela kwiingcali ezahlukeneyo ezininzi ngalo mzuzu ezivaleleke kwicandelo lezempilo labucala.

– Iyantlukwano yezempilo ezilalini/ezidolophini
Apho uhlala khona akufanelanga ukuba kuchaphazele umgangatho weenkonzo zezempilo wakho. INHI mayiphelise iyantlukwano yezempilo ezilalini/ezidolophini. Iinkonzo zezempilo zasezilalini kufuneka, ngokwenene, kujoliswe kuzo kakhulu [3]. Oku kungathetha ukwakha iiklinikhi ezingaphaya nokuthenga iinqwelo zezigulane ezingaphaya, kunye nokuhlaziywa kwangoku kweefasilithi nezixhobo zangoku.

– Uthintelo lunyango olungcono
Phumeza ukuLeyibhelisha uMphambili wePakethi, tshutshisa uNondyebo ukuba anyuse iLevi yokuKhuthaza ezeMpilo ibe ngama20% aze ayandise ukuze ifikelele kuzo zonke iziselo ezingekho mpilweni kunye nokutya ngokunjalo. UMthetho osaYilwayo woLawulo lweCuba njengoko unjalo (Kodwa qinisekisa ukuba ubandakanya iNicotine Free Electronic Non-Nicotine Delivery Systems) ukuze sinciphise ubungakanani kwinkqubo yezempilo yethu kunye nakuqingqomali. Oku kuza kwenza ukuba iNHI ukuba ime kakuhle ngokungaphaya ngokuphathelele kwezemali ngokunceda ukunciphisa izifo ezingosuleliyo. Iirhafu kwiswekile, kwicuba, iENNDS notywala nazo zinganceda kwakhona ukuxhobisa ngemali iNHI.


[1] http://www.health.gov.za/index.php/nhi http://www.health.gov.za/index.php/national-health-insurance-right-menu?download=3583:bill-national-health-insurance-2019

[2] Uhlawula ngaphezulu kukhathalelo lwezempilo labucala kwaye ufumana ngaphantsi, uphando lweKomishini yoKhuphiswano (Competition Commission) iyadandalazisa, uLaura Lopez Gonzalez weFin24, 30 Septemba 2019

[3] Ukubanayo okanye ukungabinayo iNHI, Louis Reynolds noDavid Sanders wombutho wezempilo wabantu eMzantsi Afrika, Agasti 2019

[4] Undabamlonyeni ngeNHI: Kutheni iNHI kufuneka ijolise ekunciphiseni iindleko kwicandelo labucala kuqala, uJohn Ashmore weCandelo 27, Okthobha 2019

[5] http://ohsc.org.za/ohsc-ingxelo-yonyaka-yohlolo-yokumiselwa-kwecandelo-lezempilo-likarhulumente-elihlolwe-ngelixa-lonyakamali-2016-17/

*Okuposwe kwiblog kokuqala kohlalutyo lwethu loMthetho osaYilwayo weNHI  nokukufunayo ukuze kusebenze kwaye kuqhubele phambili*

UMphathiswa uZweli Mkhize uthe thaca umthetho osayilwayo weNational Health Insurance (iNHI) epalamente [1]. INHI “ I-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (National Health Insurance) (iNHI) yinkqubo ebonelela ngemali ukhathalelo lwezempilo eyilelwe uhlanganisondawonye lweemali ukuthenga ngokuzimisela kuze kube nokufikelelwa – kwiinkonzo zokhathalelo lwempilo ezisemgangathweni, ezifikelelekayo kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika ngokusekelwe kwizidingo zabo zezempilo, kungajongwanga imeko yabo yoqoqosho lwezentlalo.” [1]

Kuhlangatyezwene nayo ngokusabela okungalunganga okuninzi okuhlangeneyo luncedo lwezonyango kunye namaqela anje ngeAfriForum. Okuyinyaniso kuthi kukuba yonke imihla, uninzi lwabemi baseMzantsi Afrika abakwazi ukufikelela kwiinkonzo zezempilo ezifanelekileyo.

Amaxesha amade okulinda, ukuphela kwesitokhwe samayeza abalulekileyo, ukusilela kwezixhobo nabasebenzi rhoqo sisiqhelo kwiiklinikhi nasezibhedlele.  Kwaye ukuya kugqirha wabucala okanye isibhedlele kubiza kakhulu kwaye akuqinisekisi ukhathalelo olusemgangathweni. Ingxelo yikhomishini yokhuphiswano ibonakalise ukuba nangona uhlawula ngaphezulu ngokhathalelo lwezempilo lwabucala, inkonzo ayanelisi ngokwaneleyo, kwaye iqhutywa ngabaxhamla bodwa abanyolukileyo abaxhoma inzuzo [2].

Ukuba yenziwa kakuhle, iNHI ingaba linyathelo elibalulekileyo ukuqinisekisa ukhathalelo lwezonyango olusemgangathweni kumntu wonke ngokuba kubekho oogqirha eziklinikhi nakwiziza zokhathalelompilo lokuqala, nokuba kubekho abasebenzi bezempilo boluntu. Asikuko ukuba ayinazo iziphene, njengoko kubonwa kwiziza zophando lolingo, yiyo loo nto kubalulekile ukuba uveze olwakho uluvo ukuyiqingqa ukuba ibonakalise izidingo zezempilo yoninzi lwabemi baseMzantsi Afrika.

INHI ingathetha ukuphela kwesigqibo esingumnqa ekufuneka uninzi lwabemi baseMzantsi Afrika basithathe, nokuba ngaba kukwazi ukuzondla nokondla iintsapho okanye ukufumana ukhathalelo lwezempilo olwaneleyo.

INHI akufuneki ibanjwe ngobhongwana luncedo lwezonyango okanye oongxowankulu abanyolukileyo. Okuphambili ekwaleni kwabo, kubonakala ngathi kukho ukungathandi ukufikelela kwiinkonzo ezifanayo nezabantu abahluphekayo. Urhulumente kufuneka kwakhona aphucule isakhono sakhe sokuphumeza iinkonzo, kungabikho urhwaphilizo okanye inkxaso enempembelelo ethile, ukuqinisekisa ukuba ukusilela kwabo akubambi ngobhongwana iNHI.

UMphathiswa uZweli Mkhize kufuneka athathele ingqalelo ukuba ama84% abantu abangenalo uncedo lwezonyango banedatha encinci, ixesha kunye nemali encinci ngokunjalo ukwenza ungeniso lwezimvo loluntu, nangona ingabona bantu bachaphazelekayo yiNHI.

Umthetho osayilwayo weNHI uyimfuneko, kufuneka uncede uninzi oluhluphekayo kwaye ezi zezinye zezinto ekufuneka izibandakanye ukwenza oko:

●    Inkqubo yezempilo yokuhlawulelwa kwabemi bonke liqumrhu elinye elinesinyanzelo sokubeka intlawulo kwangaphambili:

Izityebi mazihlawule esazo isabelo esifanelekileyo kwaye kufuneka siphelise uncedo lwezonyango neenkampani zabucala ukuba zenze inzuzo. Inkqubo yezempilo yokuhlawulelwa kwabemi bonke liqumrhu elinye ibe nesinyanzelo sokuhlawula kwangaphambili iza kunceda ukuphumeza oku ngokuhlanganyelwa kwazo zonke iingxowa zibe kwingxowa enye apho zonke iinkonzo zezempilo ziza kuthengwa kuyo zize zihlawulwe, ukuhlangabezana neenjongo zezempilo. Intlawulo yangaphambili enyanzelekileyo inyanzela wonke umntu ahlawule esakhe isabelo esifanelekileyo kule ngxowamali ihlanganyelweyo. Uninzi lobutyebi eMzansi lwakhiwe ngokuxhatshazwa komhlaba wethu nabantu, ngako oko abazizityebi akufuneki baphume xa kubalungeleyo. Urhulumente nepalamente kufuneka banyuse irhafu yengeniso yobuqu kunye nerhafu yengeniso yequmrhu. Thina bantu kuye kwafuneka sithwale uxanduva lokunyuka kweVAT.

●    Amanyathelo abonakalayo ukuphelisa urhwaphilizo, ukwandisa uxanduva lokuphendula kuze kupheliswe ukubamba ngobhongwana

Ukungalingani norhwaphilizo kuyathungelana, kwaye eSA, urhwaphilizo luphawu lwamaziko abucala nakarhulumente. Imigaqonkqubo yezoqoqosho engqongqo nenolondolozo ayiz’ ukunciphisa ukungalingani, kodwa izimvo ezixhasa inkqubelaphambili ezinje ngeNHI zingakunciphisa ukungalingani.

Kodwa oku kunokuphunyezwa kuphela ukuba uncedomali lweNHI lunoxanduva lokuphendula kwaye ayinakubanjwa ngobhongwana mhlawumbi ngamaziko karhulumente okanye awabucala. Amanyathelo anje ngokubekwa emthethweni angaqinisekisa uqinisekiso lwabanikinkonzo. Inkqubo yoqinisekiso kufuneka ingqinelane nenjongo yeNHI ukukhonza abantu, ize inike iinkonzo zezempilo ezonelisayo ukubonakalisa izidingo zezempilo. Abemi kufuneka babe neendlela ezaneleyo nomelo ngokunjalo ukuyekisa ukuba uncedomali lweNHI  lungabanjwa ngobhongwana ziinkampani ezinyolukileyo, ngoongxowankulu, ngoosopolitiki abarhwaphilizayo okanye abemithetho exabileyo ebambezelayo abangenaxanduva lakuphendula.

●    Ukuhlanganisa inkqubo yezempilo enamanqanaba amabini

Siyakuxhasa ukususa inkqubo yezempilo enamanqanaba amabini eyenza abanye abantu bonwabele iinkonzo zezempilo ezingcono kunabanye. Kwakhona, siyayixhasa ingxowamali yeNHI ukuba ihlawulele ngqo iinkonzo zeefasilithi zezempilo ukuze kungabikho banxibelelanisi bephondo okanye abangabanye abaza kwenza ngathi bangabathengi beenkonzo zezempilo. Urhulumente kufuneka andlale isicwangciso sendlela aza kulungisa ngayo iifasilithi zezempilo zangoku ukuqinisekisa ukuba zixhotyisiwe kwaye ziyakwazi ukuthwala izibophelelo zezempilo zabemi. INHI kufuneka iphucule icandelo lethu likarhulumente ngemithombo engaphaya, kodwa kwakhona nemiGangatho enguNdoqo kaZwelonke (National Core Standards) kunye neNkqubo yeKlinikhi eFezekileyo (Ideal Clinic Programme).

●    Iyantlukwano yezempilo ezilalini/ezidolophini

Apho uhlala khona akufanelanga ukuba kuchaphazele umgangatho weenkonzo zezempilo wakho. INHI mayiphelise iyantlukwano yezempilo ezilalini/ezidolophini. Iinkonzo zezempilo zasezilalini kufuneka, ngokwenene, zinyuselwe kakhulu uncedomali.

●    Akukho namnye ongekho mthethweni

Siyakuxhasa ukuba iNHI ilungiselele abafuna ukukhuselwa kunye nabaphambukeli ukuba bafumane ukhathalelompilo lokuqala. Ibashiya, nangona kunjalo, besesichengeni xa bejongene neengxaki zokugula ezimandundu, kwakunye nokungacaci kubaphambukeli abangenamaxwebhu. UMzantsi Afrika mawungabambi imigaqonkqubo yokuBukulwa kwabemi bamazwe angaphandle, kwaye kubalulekile ukuba iNHI ingabonwa njengesinye isixhobo esisetyenziselwa ukushiya abaphambukeli besesichengeni kwaye besengozini.

●    Ukuthintela kulunyango olungcono

Phumeza ukuLeyibhelisha uMphambili wePakethi, uze unyuse iLevi yokuKhuthaza ezeMpilo ibe ngama20% uze uyandise ukuze ifikelele kuzo zonke iziselo ezingekho mpilweni kunye nokutya ngokunjalo. Mthetho osaYilwayo wokuPasisa uLawulo lweCuba ngoku (Pass the Tobacco Control Bill) uza kunciphisa ubungakanani kwinkqubo yezempilo yethu nakuqingqomali. Oku kuza kwenza ukuba iNHI ime kakuhle ngokungaphaya ngokuphathelele kwezemali.

●    Ukwandisa iingcali kunye nabasebenzi bezempilo boluntu

Sifuna abasebenzi bezempilo boluntu abangaphaya. AbaSebenzi bezeMpilo boLuntu kufuneka babe yinxenye engundoqo yeNHI kwaye apho iingxowamali ziya khona. Uninzi lweengcali ngalo mzuzu lusebenza kwicandelo labucala, kwaye ngeNHI kunokufikelelwa kwiingcali ezahlukeneyo ezininzi nanjengoko iyantlukwano phakathi kwecandelo labucala nelikarhulumente iphungukile. Ndiyakuxhasa ukuba wonke umntu ngoku uza kufikelela kwiingcali ezahlukeneyo ezininzi ngoku nanjengoko iyantlukwano phakathi kwecandelo lezempilo labucala nelikarhulumente iphungukile.

●    Ukubekwa ngokomthetho icandelo lezempilo labucala

Ngengxelo yakutshanje yikhomishini yokhuphiswano [3] ebonisa uxhamlowedwa lokunyoluka olukwicandelo labucala kunye nokunyuswa kwamaxabiso okuhlutha izigulane ukhathalelo olunobulungisa; kubalulekile ukuba icandelo labucala linikwe imigaqo engqongqo. Ufikelelo kwiinkonzo kwicandelo labucala kubo bonke abemi ngeNHI malungabonwa ngokuba lukhokela icandelo labucala njengenye indlela ephakamileyo. Oku kuquka urhwebo ngezonyango.

[1]http://www.health.gov.za/index.php/nhi   http://www.health.gov.za/index.php/national-health-insurance-right-menu?download=3583:bill-national-health-insurance-2019

[2] Uhlawula ngaphezulu kukhathalelo lwezempilo labucala kwaye ufumana ngaphantsi, uphando lweKomishini yoKhuphiswano (Competition Commission) iyadandalazisa, uLaura Lopez Gonzalez weFin24, 30 Septemba 2019

[3] Ukubanayo okanye ukungabinayo iNHI, Louis Reynolds noDavid Sanders wombutho wezempilo wabantu eMzantsi Afrika, Agasti 2019

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More