Iinzame zesibonelelo sikarhulumente seCovid-19 zidanise abahluphekileyo

Ukusabela kukarhulumente kwiCOVID-19 kudandalazise iinyani ezininzi ebezikhona phambi kokuqalisa kobhubhane: amazinga aphezulu okungalingani kunye namazinga aphezulu entswelangqesho (ngalo mzuzu ngama30% kwaye athelekelelwa ukuba aza kunyuka ayokutsho kuma50%).

Ukusabela kukarhulumente kwiCOVID-19 kudandalazise iinyani ezininzi ebezikhona phambi kokuqalisa kobhubhane: amazinga aphezulu okungalingani kunye namazinga aphezulu entswelangqesho (ngalo mzuzu ngama30% kwaye athelekelelwa ukuba aza kunyuka ayokutsho kuma50%). Omnye kubantu abathandathu usebenza kwicandelo elingamiselekanga; le misebenzi rhoqo iyingozi, mifutshane kwaye ihlawula kancinci. Ukuqala kokuhlaliswa ngendlu, urhulumente wabhengeza amanyathelo ezibonelelo awahlukahlukeneyo, awabonakala ngathi yinto elungileyo kuninzi lwabahluphekayo. Kodwa iintsuku ezingama100+ kuhleliwe ngendlu, sinyanzelekile sicinge ukuba ingaba amanyathelo esibonelelo karhulumente ayengawabo babewafuna kakhulu ngokwenene na.

Saqhuba iphulo elaphumelela ngokuyinxenye sicela urhulumente ukuba andise isibonelelo senkxaso yabantwana (iCSG) ngeR500 iinyanga ezi6 ngomntwana ngamnye ukunika ukunika abakhathaleli inkxaso yemali ngexesha likabhubhane ukuhlangabezana neemfuno zabantwana. Isebe leenkonzo zoluntu laphula isithembiso sesibhengezo sikaMongameli Ramaphosa sokunyusa iCSG yomxhamli ngomntwana ngamnye kwaye endaweni yoko labhengeza ukunyuswa kweCSG ngomkhathaleli ngamnye – ngoko ke. nokuba ngaba kukho umntwana omnye okanye abahlanu emzini, ukunyuswa kweCSG ngamaR500.

INgxowamali yeInshorensi yeNtswelangqesho yeCovid-19 yeSikim seSibonelelo seXeshana soMsebenzi/soMqeshi (Ingxowamali yeUIF Covid-19 TERS) zitshabalele, sishiya abaninzi abasesichengeni  kwiimeko zezoqoqosho ezirhabaxa zokungabi namvuzo. Iifasilithi zokhathalelo lwempilo nazo ziyoyisakala, ngokunqongophala kwezixhobo zokukhusela zobuqu (phakathi kwezinye iingxaki), kusenza abasebenzi bokhathalelo lwempilo ukuba boyikisele ukhuseleko lwabo, okugqibelela kwiziphumo zezinto ngezinto kubasebenzi, nezigulane. Le yimizekelo nje embalwa endlela imali ingakhe ifikelele ngayo kwabo ibifanele ifikelele kubo OKANYE okanye indlela engakhange ifikelele ngayo kwabo basesichengeni. Oku kugqibelele ekudaleni ungquzulwano phakathi kwabo bodwa, ngelixa umoni wokwenene, urhulumente, engenalo uxanduva lokuphendula.

Asinakuyiyeka le nto iqhubeke ibe libali loMzantsi Afrika. Kufuneka simanyane sibonise urhulumente ukuba sinamandla ahlangeneyo okunyanzela ukuba athathe amanyathelo ngokwentando yabantu jikelele. Kufuneka sinyanzelise ukuba selubala kunye nokubhengeza amanyathelo ezibonelelo zeCOVID-19 awohlukeneyo size sikhusele imali elungiselelwe ukunciphisa ingxaki yabahluphekayo.

Sizinikele kumaphulo aza kubonisa ukuzinikela kwethu ukwenza urhulumente abe noxanduva lokuphendula, ngelixa sijongene nobhubhane iCOVID-19. Siza kunyanzela amalungelo nokhuseleko abasebenzi abangundoqo, kuba ukuba bakhuselekile, sonke sikhuselekile. Somelele kakhulu kwaye siphumelela kakhulu xa sibumbene. Masingangeni emgibeni karhulumente wokusahlula nokusoyisa. Amandla, ngawethu.

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More