Iqumrhu loluntu limemezela ukuba iRobertson Winery ikutshwe eWineX

IRand Merchant Bank WineX Festival iyaqalisa ngoLwesithathu, 26 Okthobha 2016 eSandton Convention Centre apho iRobertson Winery iza kubonisa iimveliso zayo – ngosuku olunye oluza kube luphawula iveki ye9 yoqhankqalazo lwabasebenzi baseRobertson Winery lomrholo owanele izidingo.

Abasebenzi ngalo mzuzu bamkela phakathi kwamaR2,900 – R3,500 phambi koxulo.  Eli lilizwe apho kuchithwa amaR3,027 ngenyanga ukondla usapho lwabantu abahlanu ngesondlo esondla ncam kungabandakanywanga ezinye izidingo ezinje ngemfundo, izinto zokuthambisa nezothutho.

“Kuyothusa kubasebenzi ukuba iRand Merchant Bank ibe ixhasa imivuzo ephantsi kakhulu, ngexesha abasebenzi bememezele kuluntu ukuba lubaxhase,” utsho uMlawuli wesiGqeba weamandla.mobi, uKoketso Moeti.

Ingakumbi njengoko oku kulandela isiphumo seesuphamakethi zamaDanish zisusa iiwayini zaseMzantsi Afrika kwiishelufa zabo, kulandelwa ukuvela kwizikrini inkqubombaliselo kwiimeko zabasebenzi basefama eMzantsi Afrika. Inkqubombaliselo, Bitter Grapes – Slavery in the Vineyards, ibalisa ngokwaphulwa kwemithetho yabasebenzi neemeko zabasebenzi.

“Akukholeleki ukuba amaqumrhu kwenye indawo ayala ukungqina ukuxhatshazwa, xa iinkampani eziseMzantsi Afrika zingakwazi ukwenza okufanayo kwaye ziqhubeka nokunika abo baqokelela ubutyebi ngokuxhaphaza amaqonga amakhulu anje ngeli,” uyongeza uMoeti.

Kothusa nangakumbi njengeCEO yeRMB Holdings neRMI Holdings, uHerman Bosman, ngomnye wabasayini besibhambathiso seCEO esibanga ukulwela intswelabulungisa kwaye uhambelana “nobulungisa ngokwentlalo notshintsho ukuze uMzantsi Afrika ngokwenene ube lilizwe labo bonke abaphila kulo”.

Ngokuba neRobertson Winery njengenxenye yeWineX, inkohliso yabo basayina isibhambathiso iba sesichengeni nanjengoko ezo nkampani zinye ezisilelayo ukwenza abakuthethayo, kubahlutha intsingiselo.

Jonga iphulo apha.

Isiphelo/

Ngolwazi oluthe vetshe nangodliwanondlebe, qhagamshelana no-:

UKoketso Moeti

082 583 5869

koketso@amandla.mobi

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More