Singootitshala kwicandelo lasemva kwemfundo yesikolo kuMzantsi Afrika jikelele. Sidibene kwiindawo zeengxoxo ezahlukahlukeneyo kwinyanga edlulileyo ukuxoxa ngemithethosiseko, izithethe kunye nokunokwenzeka kokufunda nokufundisa eMzantsi Afrika ngexesha nasemva kwexesha leCOVID-19 Global Disaster.
Imbulambethe
Singootitshala kwicandelo lasemva kwemfundo yesikolo kuMzantsi Afrika jikelele. Sidibene kwiindawo zeengxoxo ezahlukahlukeneyo kwinyanga edlulileyo ukuxoxa ngemithethosiseko, izithethe kunye nokunokwenzeka kokufunda nokufundisa eMzantsi Afrika ngexesha nasemva kwexesha leCOVID-19 Global Disaster. Sizinikele kubafundi bethu, kumaziko ethu, kuluntu lwethu, ekuphuhliseni iintlanga ezihlaba amadlala eziziingqondi kwaye silinganise imfundo njengenkonzo ebalulekileyo.
Uhlalutyo, imithethosiseko kunye nezindululo ezandlalwe kumacandelo alapha ngezantsi zidandalazisa le mikhwa isesikweni kwaye zinengcinga yokuba BONKE abafundi, ingakumbi abafundi abahlelelekileyo, ootitshala kunye nabalawuli bomsebenzi, abazali, noluntu, kwaye zijonge ukulungelelanisa ukungalingani okumisiweyo kwinkqubo yamva yesikolo. Olu hlalutyo nesindululo zakha imizekeliso yemeko eziswa yiBlack Academic Caucus kunye neC-19 People’s Coalition Post School Working Group. Ekunikeni esi sindululo, sifuna igalelo nengxelo yempendulo yabafundi, ootitshala nabalawuli bomsebenzi, iimanyano, abazali noluntu ngexesha sijonge okunye okuvelayo nokuphunyezwa.
Funda okanye dawunilowuda uxwebhu olupheleleyo kwikhonkco elilapha ngezantsi: https://amandla.wgdev.co.za/app/uploads/2020/07/Public_Universities_with_a_Public_Conscience.pdf