Nge1 Okthobha 2021, siphehlelele isaveyi ukuhlanganisa ubungqina obufunekayo ukudandalazisa iingxaki ezingundoqo kwaye sibonise uSASSA ukuba mabathabathe amanyathelo.
Ezinye zeziphumo zethu ezingundoqo kwisaveyi yezibonelelo zeR350:
● Ngaphezulu kwesiqingatha sabo bafaka izicelo zesibonelelo seR350 zakhatywa. Uninzi lwabo izicelo zabo zakhatywa okanye abazange bakwazi ukuthumela izicelo zabo ngenxa yeemeko zobuchwepheshe ngenkqubo yeSASSA.
● Ama24% abantu athi akuzange kubekho mntu uphendulayo xa betsalela umnxeba inombolo yeSASSA.
● Phantse ama40% abantu bathi kwafuneka baboleke imali yeairtime okanye yedatha ukufaka isicelo nje kuphela.
● Ama44% abakhathaleli abangasebenziyo athi uSASSA ukhabe izicelo zabo ngenxa yeUIF.
● Abantu abaninzi abangasebenziyo izicelo zabo zeR350 zikhatyiwe ngokungenabulungisa.
Omnye umkhathaleli ongasebenziyo ofake isicelo sesibonelelo seR350 uphawule ukuba:
“U[SASSA] uthe ndifumene iUIF, kodwa andizange ndisebenze ebomini bam kwaye andinayo inombolo kaSARS okanye yeUIF.”*
Xa ebuzwa ukuba wawusithini umyalezo wakhe kwiCEO yakwaSASSA nakuMphathiswa woPhuhliso loLuntu, omnye umfakisicelo wathi:
“Phendulani iminxeba yethu kuba leyo yeyona ndlela ilula ukunxibelelana nabo. Ukuba abasebenzi banqongophele, kufuneke baqashise abantu ukuze inkqubo ikhawuleze. Akunabulungisa ukulinda iinyanga ezintathu kwaye ngamanye amaxesha ubuye neziphumo ezinye.”
Amalungu amaninzi eamandla.mobi ancedisa ekutshutshiseni kuMongameli Ramaphosa ukuba abuyise isibonelelo seR350 aze abandakanye ubuncinane babakhathaleli abangekho ngqeshweni. Eli ibe linyathelo elilungileyo. Kodwa asikokuphela kwako ukuba izinyanzelo zethu zokunyusa nokwandisa isibonelelo zibe azikhange zihoywe, amalungu amaninzi oluntu lweamandla.mobi bachaze iingxaki zokufaka izicelo zesibonelelo seR350.
● Inkqubo yokufakwa kwesicelo sesibonelelo ayifikeleleki, kwaye kunzima ukufumana ulwazi okanye uncedo kwaSASSA.
Abantu abaninzi bachaza indlela abahamba ngayo ukufikelela ekubolekeni imali nje ukufaka isicelo sesibonelelo okanye ukuya kusithatha. Phantse mnye kubantu abane uthe ukutsalela kwakhe uSASSA, akukho mntu waphendulayo. Ipesenteji encinane yabaphenduli bathi umqobo wolwimi kwakhona yaba yingxaki kubo kwaye kwathetha ukuba abanakulufumana naluphi na uncedo xa befuna uncedo kwaSASSA.

Igrafu 1: Le grafu ilapha ngentla yandlala eyona miqobo ixhaphakileyo abahlangabezana nayo abantu phambi kokuba babe babe bazama ukungenisa izicelo zabo.
● Kukho izinga eliphezulu lokukhatywa, ingakumbi abakhathaleli.
Abo banako ukuyoyisa le miqobo ilapha ngentla, le grafu ilapha ngezantsi ibonisa ukuba abafakizicelo abaninzi mhlawumbi bayakhatywa okanye abazange bade bakwazi nokungenisa izicelo zabo ngenxa yeengxaki eziphathelele kubuchwepheshe benkqubo yeSASSA.

Igrafu 2: le grafu ilapha ngentla ibonisa iimpendulo zesaveyi kumbuzo, “Ukwazile ukufaka isicelo sesibonelelo seR350 ukusukela ekubuyisweni kwayo yaza yaqalisa ukuhlawula abaxhamli ukusukela kuAgasti 2021?”
Lo mfanekiso ulapha ngentla awulunganga, kodwa ubalasele nangakumbi kubakhathaleli. Xa sithelekisa ugrafu 2 apha ngentla nografu 3 apha ngezantsi, idatha yesaveyi icebisa ukuba abakhathaleli abangasebenziyo amazinga abo okukhatywa ade abe ngaphezulu kunye namazinga aphantsi okuphumelela.

Igrafu 3: Le grafu ilapha ngentla ibonisa ukukhatywa kwezicelo zeR350 kwaye amazinga okuphumelela kwabo bagcwalise isaveyi kuphela kwaye bachaza ukuba ibingumkhathaleli ongasebenziyo obefumana isibonelelo senkxaso yomntwana egameni lomntwana.
● Abafakizicelo zesibonelelo nabafumani bachaza amava abo neengcebiso
Ngaphezulu kwama50% abo bathe bafikelela kwimithombo enje ngeintanethi okanye umnxeba osebenzisa ubuchwepheshe bathe bangena kwiwebhusayithi yeSASSA. Isayithi ngoku kuthwa ayinazindleko. Abanye basebenzise uWhatsApp kunye nekhasi leFacebook yeSASSA ukufumana ulwazi. Abaninzi ababetsalele umnxeba kwiziko leminxeba lakwaSASSA zange bafumane ncedo lungako. Xa becelwa ukuba bachaze amanye amava abo ngexesha bezama ukufikelela kwisibonelelo, abanye abaphenduli batsho oku kulandelayo:
“Bendifuna uncedo, kodwa akukho mntu ebephendula umnxeba.”
“Babendithumela iSMS rhoqo ngenyanga ukuthi isicelo sam sikhatyiwe ngenxa yeUIF.”
“Akuzange kubekho nempendulo yeimeyile eyayithunyelwe.”
Ezona ndlela zisetyenziswa kakhulu ukufaka isicelo sesibonelelo ibiyiwebhusayithi yakwaSASSA noWhatsApp. I-8% yabaphenduli yazama ikhowudi yeUSSD kodwa bafumanisa ukuba ayisebenzi. Basakucelwa ukuba bachaze imingeni abahlangabezene nayo ngexesha besebenzisa iindlela ezahlukeneyo, abanye bathi:
“Iwebhusayithi yayilula, kodwa ukuzama ukufumana okungeyorobhothi ukuncedisa kwakuyingxaki.”
Abaphenduli kwakhona bachaza ukuba eminye imiyalezo neengcebiso zeSASSA nezeDepartment of Social Development (iDSD) (Sebe loPhuhliso loLuntu) maziphucule inkqubo yesibonelelo seR350. Naku abaye bakutsho abanye:
“Kuvulwe iiofisi zeSASSA ezingoomahambanendlwana ezingaphaya.”
“Bagcine izithembiso zabo🙏🏿. Banike abangaphangeliyo imali kwaye mabangakhethi kodwa basinike sonke.”
“Kufuneka baphucule inkqubo yabo yoqinisekiso ukuba ibe kuhlobo olukhawulezayo kuba yonke into icotha kakhulu.”
“Kuyekwe ukusebenzisa idatha xa kufakwa isicelo. Asinayo imali.”
“Bathathele ingqalelo engaphaya ezinye izicelo neengxaki zazo, ingakumbi abantu abachazwa ngokuba bafumana iUIF ngexesha bengayifumani.”
“Mabenze lula inkqubo yokufaka izicelo. Bandise amandla eseva. Baphendule ngokukhawuleza imibuzo nezibheno.”
● Ngoko ke, yintoni enokuyenza ngokwahlukileyo iSASSA neSebe loPhuhliso loLuntu (iDSD)?
Iinyanga, abafakizicelo nabafumani besibonelelo seR350 banyanzelise ukuba uSASSA alungise iziphene zenkqubo yesibonelelo. Oku yimeko yokuphila kubantu abaninzi baseMzantsi, kwaye ezi zinyanzelo azinakube ziphinde zingamanyelwa. Abantu basokola ngokwaneleyo, kungakhange kufuneke basebenze ngenkqubo kaSASSA, okuthatha ixesha, amandla kwaye futhi nemali ukufikelela, ukufumana ulwazi kunye noncedo.
USASSA kunye neSebe loPhuhliso loLuntu kufuneka:
● Benze inkqubo yezibonelelo yeR350 isebenze ngokwaneleyo kwaye isebenziseke lula, kwi-intanethi nangaphandle kweintanethi
● Babe nemihla yokuhlawula engaguquguqukiyo
● Baphucule unxibelelwano nabafumani/abaxhamli besibonelelo.
● Badale ezinye iindlela ezilungileyo nezifikelelekayo kwabo bangakwaziyo ukufaka izicelo ngeintanethi okanye bafikelele kwiiofisi zakwaSASSA.
● Baphucule ukusetyenziswa kolwimi kubantu abangathethi isiNgesi.
● Baqeshe abasebenzi baze baphucule ukusebenza kweziko lezeminxeba lakwaSASSA.
● Ngokuzenzekelayo banike abakhathaleli abangaphangeliyo isibonelelo seR350, kungafunekanga ukuba bafake isicelo seR350. Okanye okona kuncinanana, babeke phambili ukujonga kwakhona izibheno zabakhathaleli abangaphangeliyo.
● Basebenze noSARS neSebe lezaBasebenzi ukuphucula iidathabheyisi zeIRP5 nezeUIF ezisetyenziselwa iimvavanyo zokubanako ukuziphilisa ukufumanisa olungele isibonelelo.
Kwakhona, uSASSA kunye neSebe loPhuhliso loLuntu kufuneka:
● Baxhase ukwandisa isibonelelo ngaphaya koMatshi 2022 nokuyinyusa ibe ibe kumlinganiselo ophezulu wobuncinane benqanaba lengeniso yokuphila.
● Baxhase ukugcina isibonelelo side sibe siguqulwe sayiNkxaso yeNgeniso esiSiseko.
● Baxhase ukunika isibonelelo hayi nje kubakhathaleli abangaphangeliyo, kodwa BONKE abakhathaleli abafumana iSibonelelo seNkxaso yaBantwana.
● Baxhase ukunyusa zonke ezinye izibonelelo ukunceda ukuzinzisa isibonelelo seSRD.
*Nceda qaphela ukuba zonke izicaphulo zihleliwe ngokunganeno ukulungiselela ubufutshane nengcaciso.
Inqaku lezobuchwepheshe: Ezi ziphumo zilapha ngentla ikakhulu zithathwe kwiziphumo zesaveyi yesibonelelo seR350 zethu, esasebenzayo kwaye zingafumaneka apha: https://amandla.wgdev.co.za/350-survey/.
Ngamanani angawona wamva nalungileyo nawangoku, jonga ikhasi leziphumo zesaveyi apha https://amandlamobi.typeform.com/report/gxz4Fdg1/SwrwAfins27rAdbw.
Iziphumo zesaveyi kufuneka zihlaziye kanye ngeveki ubuncinane ukubonisa iimpendulo ezintsha ngokuye abanye abantu begcwalisa iisaveyi. Nceda qaphela ukuba idatha ngabakhathaleli abangaphangeliyo abafaka izicelo zesibonelelo seR350, njengoko ngoku bebandakanyiwe kwiindlela zokuhluza zokulungela, yathathwa kwidatha eyahlukaniswe ngokwezigaba kwisaveyi yezibonelelo zoluntu zethu ezizezinye, esabonakalayo ngalo mzuzu kwaye ingafumaneka apha: https://amandla.wgdev.co.za/grant-survey/. Iziphumo ezizezona zamva zaloo saveyi zingafumaneka apha. Isaveyi ingagcwaliswa kwimobi sayithi yethu, kodwa kwakhona sinike iindlela zokugcwalisa isaveyi ngezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo kwabo bangenayo idatha, okanye neairtime ngokunjalo. Nceda qaphela ukuba besinesakhono sezobuchwepheshe ukupapasha iziphumo zesaveyi eziqhelekileyo kuphela, kwaye nokuba le datha ilapha ngentla ngabakhathaleli abangaphangeliyo yayahlukaniswe ngokwezigaba ngokukodwa yaza yahlalutywa kungasetyenziswa zixhobo zobuchwepheshe. Kukwanjalo nakwiimpendulo zesaveyi zeUIF. Idatha ehlalutywe kungasetyenziswa zixhobo zobuchwepheshe ayibonakaliswa ngalo mzuzu kwaye yayithathwe kwisethi yedatha nge3 Disemba 2021. Siliqumrhu elincinane elinezakhono ezingephi noncedomali ngokunjalo. Nangona kunjalo, ukuba ungathanda ukucela idatha eyiyeyona yamva okanye ukunika iingcebiso zolwazinkqubo lophando, khululeka uqhagamshelane nathi apha hola (at) amandla.mobi, kwaye siza kwenza ngawo onke amandla ethu ukukuphendula.