Iziphumo zika2023 zeSaveyi yamaLungu, sinje ke thina nesizathu sokuba sibe siyalwa

Siqhube isaveyi yamalungu kunyaka ophelileyo ukuqonda ukuba amalungu ethu abandakanya bani na, ahlala phi na kwaye yintoni eyenza ukuba babe bangamalungu eamandla.mobi. Ezi mpendulo ke ngoku zisinika ithuba lokumisela iajenda esithi sonke ngokuhlangeneyo sithathe izigqibo ngayo. Okwangoku uninzi lwamanyathelo ephulo ukusukela kulo nyaka aqingqwa ziziphumo zesaveyi yamalungu.

“Ndikholelwa ukuba iamandla.mobi idlala indima ebalulekileyo ekuqhubeni iindawo zoluntu zobuxhakaxhaka bale mihla zethu zibe zeziqukayo, ezisabela ngokukhawuleza kwaye ezimela abantu baseMzantsi Afrika”

* Ihlelwe ngokungephi ukuze icace

Olu caphulo lolunye nje lweempendulo ezininzi zamalungu xa sasibuza ukuba kutheni uyinxenye yeamandla.mobi?

Siqhube isaveyi yamalungu kunyaka ophelileyo ukuqonda ukuba amalungu ethu abandakanya bani na, ahlala phi na kwaye yintoni eyenza ukuba babe ngamalungu eamandla.mobi. Ezi mpendulo ke ngoku zisinika ithuba lokumisela iajenda esithi sonke ngokuhlangeneyo sithathe izigqibo ngayo. Okwangoku uninzi lwamanyathelo ephulo ukusukela kulo nyaka aqingqwa ziziphumo zesaveyi yamalungu.

Ngobani amalungu angamaqabane akho eamandla.mobi? Uninzi ngabarhola umvuzo ophantsi, ngamabhinqa, kwaye baNtsundu. Nokuba ngaba ungubani na, simanyaniswe yinkolelo yethu yokuba singenza abathathi bezigqibe babe noxanduva lokuphendula xa sisebenza kunye ukuvakalisa izimvo zabo bachatshazelwa kakhulu yintswelabulungisa.

Iziphumo zesaveyi zibonisa ukuba imiba emithathu ephambili ekufuneka iphulo lethu liyibeke phambili zizibonelelo zoluntu, intswelangqesho kunye neendleko zezidingo zokuphila, ingakumbi amaxabiso okutya.


1. IziBonelelo zoLuntu: Ekuqaleni kwalo nyaka, ngaphezulu kwama500 amalungu eamandla.mobi kunye namaqumrhu angoomasibambisane aqhankqalaza ngaphandle kweofisi engundlunkulu yaseSASSA. Siye senza umngcelele ukuba kwiZakhiwo zoMdibaniso ukuhlaba ikhwelo kuMongameli uRamaphosa ukuba anyuse izibonelelo zoluntu, ukubandakanya nokunyusa, ukwandisa nokuguqula isibonelelo esiyiR350 sibe sisiBonelelo seNgeniso esiSiseko (Basic Income Grant) (iBIG) [1]. Urhulumente uthabathe amanyathelo alulutho, kodwa siqhubeka nokubeka iliso okuvelayo kwaye sisabele kwiingxaki ezinje ngengxaki yentlawulo yakutshanje [2].

Umfanekiso 1. Lo mfanekiso wawuthathwe kwizaKhiwo zoMdibaniso ekuqaleni kwalo nyaka xa sasidlulisa imemorandam yezinyanzeliso kwiofisi yoBongameli.

2. Amaxabiso okutya: Amaphulo ethu ancede ukuqinisekisa ukunyuka kwezibonelelo zoluntu ezithile eminyakeni, ukuquka nokwandiswa kwesibonelelo seR350. Kodwa, kuba asihlangabezani namaxabiso okutya aphezulu, izibonelelo zoluntu ziza kubeka ukutya okuncinane etafileni. Isaveyi yamalungu ibonisa ukuba amalungu amaninzi ayasokola ngamaxabiso okutya, ingakumbi ioyile yokupheka nomilimili.

Umfanekiso 2. Sifake lo mfanekiso kwikhasi lethu leFacebook ukubonisa ukutya amalungu akhalaze ngokuba kuyabiza ngokungaphaya ukukuthenga ngo2022/2023.

Siphehlelele iphulo lamaxabiso okutya, siqala ngamaphepha oluhlu lwezikhalazo simemezela uMongameli nabaPhathiswa abangundoqo ukuba bahlangabezane namaxabiso okutya aphezulu, njengokunika iKhomishini yoKhuphiswano  (Competition Commission) kunye nabaChopelimatyala amandla angaphaya ukuhlawulisa amashishini amakhulu enza inzuzo ngathi. Ngaphezulu kwabantu abangama17,000 ongeze amagama abo kumaphepha oluhlu lwezikhalazo. Kuye kuhambela phambili neComp Comm iphanda ukwenza inzuzo kweesuphamakethi, kwaye neKhabhinethi ijonga isicwangciso somsebenzi soku ukulwa ukunyuka kwamaxabiso okutya [3].

3. Intswelangqesho: Amalungu akhankanya intswelangqesho njengomnye wemiba ephezulu ekufuneka siqhube iphulo ngokungaphaya ngawo, kwaye siwaxhasile amalungu ukumisela nokuphehlelela amaphepha oluhlu lwezikhalazo kuawethu.mobi ukuhlangabezana nemiba eyahlukeneyo enegalelo kwintswelangqesho, enje ngenkxasomali yeLinge leNtswelangqesho yoLutsha likaMongameli (Presidential Youth Unemployment Initiative), ukubamba iziqinisekisomfundo kunye nokucinywa kweerekhodi zolwaphulomthetho.

Sibuze amalungu eamandla.mobi esinokukwenza ukuphucula umsebenzi wethu, kwaye iingcebiso eziphambili yayingamaphulo angaphaya, unxibelelwano olukhawulezayo, amacweyo, ukubonakala kunye noqhankqalazo olungaphaya.

Sisebenze nzima ukunyusa ingxowamali ukuphucula umsebenzi wethu. Oku kubandakanya ukuphucula iawethu.mobi nokunceda uluntu lwethu olukhulayo kumisela amaphulo ngemiba ebachaphazela ngqo kwiingingqi zabo.

Siyaqhubeka nokuxoxisana namalungu yonke imihla, kodwa ngamanye amaxesha, imithombo yethu iyanqongophala, kwaye ke ngoko asinakufikelela kuye wonke umntu. Sizama ukuphucula unxibelelwano lwethu nokubonakala kwethu. Oku kubandakanya ukuthumela imiyalezo yokwazisa. Siyayivuyela ingxelo yempendulo kumalungu ethu, kwaye njengeqela elincinane, siza kusebenzela ukuphucula ukusebenza kwethu.

Kwakukho neminye imiba eyaphakanyiswayo ekufuneka ibekwe phambili, le miba ibandakanya iGBV, ukuphunyezwa kweenkonzo, ezezindlu, kunye nocalucalulo ngokobuhlanga, phakathi kwezinye. Siyile iwww.awethu.mobi ukuze amalungu akwazi ukumisela awawo amaphepha oluhlu lwezikhalazo aze athathe amanyathelo nabanye ukufuna ubulungisa kwiingingqi zabo.

Oku kokunye akucaphuleyo amalungu ngesizathu sokuba babe bayinxenye ye-amandla.mobi:

“Ndililungu leamandla.mobi kuba ndixhasa kwaye ndifuna ukubona abantu abangaphangeliyo bephangela kwaye abo bangazifumaniyo izibonelelelo bezifumana kwaye baphathwe ngokulinganayo”

“Qho xa kukho ingxaki efuna ukuba thina sisayine okanye sithumele izimvo, ndisoloko ndifumana imiyalezo ethi ingxaki leyo ilungisiwe”

“Kuba iamandla isinceda ekuphakamiseni iinkxalabo esihlangabezana nazo elizweni lethu nokuqhuba amaphulo amalungelo ethu” – uBoitumelo

“Ngelixa ndiziva ukuba andenzi kangangoko bendimele ukwenza njalo ukuzisa utshintsho, ndibona…

ukuba yonke into noba incinane iyabonakala. Ukuba ukuhambisa amaphepha oluhlu lwezikhalazo kuzisa uhlobo oluthile lotshintsho, ndiyakuxhasa”

“Ndikholelwa ukuba idlala indima ebalulekileyo ekuqhubeni iindawo zoluntu (zobuxhakaxhaka bale mihla) zethu zibe zeziqukayo, zezisabela ngokukhawuleza kwaye nezimela abantu baseSA”

“Ndikholelwa kwakhona ukuba urhulumente kufuneka angabi neentlanganiso eziza kuvalela abantu ngaphandle, ingakumbi xa ebantu bechaphazeleka”

* Ihleliwe kancinane ukuze icace

Ndibulela onke amalungu ethu ngokuba yinxenye yombutho wethu wezobulungisa. Amanyathelo enu nengxelo yempendulo zizo ezisikhuthazayo.

Sisonke ngobulungisa,

UKoketso weqela leamandla.mobi

[1] Ezisematheni- UMongameli uRamaphosa, izinyanzelo zethu zeSONA zicacile. amandla.mobi. 03 Febhruwari 2023.

[2] IsiPhithiphithi seziBonelelo zoLuntu, abanye abamkeli kusafuneka bahlawulwe. IENCA. 22 Septemba 2023.

[3] Ikhabhinethi yamkela isicwangciso somsebenzi oza kwenziwa ngamaxabiso okutya. IArhente yeeNdaba kaRhulumente waseSA (SA Government News Agency). 31 Agasti 2023.

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More