*Ukwazisa* Siyabulela kuwo onke amalungu ethu. Sikhuphe ngaphezulu kwamaR35,000 eOfisi yeeNgcebiso yaBasebenzi abaNgxungxileyo (Casual Workers Advice Office).
Omnye woomasibambisane beamandla.mobi, iCasual Workers Advice Office (iCWAO), kwaphangwa kwatshiswa iiofisi zabo ngobusuku bangoMvulo 2 Septemba [1]. Eli lilishwa elikhulu kwiqumrhu ebelixhasa ngandlela zonke abasebenzi abangxungxileyo ukulwela isidima, ngokunika inkxaso yoququzelelo kunye neengcebiso zomthetho simahla. Kulo nyaka uphelileyo bawina idabi kwiNkundla yezoMthethosiseko yabantu abafunela amashishini abasebenzi, ukuqinisekisa imirholo engcono neenzuzo zabasebenzi [2].Abahlobo bethu eCWAO bafungile ukuba abaz’ ukuyeka eli dabi liphelise umsebenzi wabo. Kodwa baphulukene nezinto ezibaluleke kakhulu kumsebenzi wabo ezinje ngeekhompyutha, iiprinta nefenitshala. Sisebenze ngokusondeleyo neCWAO kumaphulo amaninzi abalulekileyo kwaye siyababulela, siqinisekise uloyiso olungenakubalwa lwamalungelo abasebenzi. Njengelungu leamandla.mobi singaqinisekisa ukuba abahlobo bethu eCWAO aqhubeka nokwenza impembelelo ngokuba ngamnye kubo akhuphe iR20 apha: https://www.givengain.com/cc/cwao/ okanye alandele umsebenzi weCWAO kuFacebook. Ukuba sonke sinika kangangoko sinako, kuza kulunga. Sikunye singanceda ukwakha kwakhona iofisi yeCWAO size sixhase umsebenzi wabo ngokulwa ukubukulwa kwabaphambukeli/kwabantsundu.

Ingaba iCasual Workers Advice Office bekujoliswe kuyo ngokukodwa okanye ingaba bebengamaxhoba nje okuphangwa kwakutshanje? Ngalo mzuzu abaqinisekanga, kodwa kukho imiqondiso exhalabisayo. Ungafunda inkcazo epheleleyo yeCWAO apha.
Iinkampani ezinyolukileyo nokungathabathi manyathelo kukarhulumente kwenze ukuba abasebenzi baxhatshazwe kwaye babe kwiimeko zokusebenza ekungekho namnye umntu ofanele ukuba kuzo. Kodwa iCWAO iye yema nabasebenzi ukubaxhasa ekulweni kwabo. Baqubisana nezenzo zempathogadalala yabasebenzi zamaqumrhu asebenza kwizizwe ngezizwe anjengeHeineken [3] nePepsico [4]. Eli dabi alenzakalisanga iCWAO kuphela, kodwa kunye neSimunye Workers Forum, indibano yabasebenzi beenkampani ezahlukeneyo ezisingathwe yiCWAO. Akukho nalinye ilungu leamandla.mobi elinokubuyisela ephulukene nako iCasual Workers Advice Office, kodwa esilambathayo kuko kobutyebi bomntu ngokuzimeleyo, sikwenza kube kuninzi. Masibonise okunokuphunyezwa lubumbano lwabasebenzi. Ungakhupha umnikelo apha, okanye ulandele iCWAO kuFacebook ukukhangela iindlela zokuxhasa umsebenzi wabo.
Imisitho yeveki ephelileyo ishiye uninzi lwethu lothukile kunesiqhelo. Yiyo loo nto kubalulekile kakhulu ukuba sibumbane kumzabalazo wethu wobulungisa. Hlala umamele amanye amaphulo angamanye esiza kube siwangenisa.
[1] Iofisi yeengcebiso zomsebenzi ixhoba lokuphangwa kwaseJoburg. UZoë Postman for GroundUp 4 Septemba 2019
[2] Bhayibhayi, bantu bafunela amashishini abasebenzi: Molweni, banikinkonzo. USarah Smit weMail &Guardian 10 Agasti 2018
[3] Uqhankqalazo lwabasebenzi baseHeineken ngeemeko zokwenziwa amakhoboka’. IOL 10 Okthobha 2018
[4] Iitshipsi ziyekiwe kwaSimba nanjengoko abasebenzi belungiselela ukuqhankqalaza. USarah Smit weMail & Guardian 17 Epreli 2018