Ngaphezulu kwabantu abangama-49 000 bamemezela ukuba urhulumente arhumise irhafu izityebi ukuxhasa amalinge abantu abahluphekayo

Ngaphambili kwentetho yohlahlolwabiwomali yoMphathiswa uTito Mboweni, iqumrhu logayo lwenkxaso loluntu iamandla.mobi lingenisa iphulo limemezela ukuba izityebi zirhunyiswe irhafu ukuqaphela amalinge aza kunceda iimiliyoni zabantu eMzantsi abasokolayo ukunyamezela iimpembelelo zikabhubhane weCOVID-19.

Ixhaswa ngabantu abangaphezulu kwama49 000, izinyanzelo ezingundoqo zephulo kukunyuka okungxamisekileyo kwePersonal Income Tax (iPIT) kubantu abarhola ngaphezulu kweR1 miliyoni, kunye nokuzinikela ekungeniseni izinga lexabiso eliphezulu elihlayo, irhafu yobutyebi emva kweendleko yonyaka kwabo banobutyebi obungaphaya kweR3.8 miliyoni.

Uluntu lweamandla.mobi kwakhona lumemezela amalinge nezibophelelo ezilungelelene nabahluphekileyo anje ngokunciphisa ngokubonakalayo isaphulelorhafu soncedo lwezonyango nokushenxiswa kotsalo lwemirhumo yengxowamali yomhlalaphantsi okanye izaphulelorhafu kwabo barhola ngaphezulu kwe-R1 miliyoni ngonyaka. Kwakhona mayinganyuswa iRhafu yeNgeniso yoBuqu kwabo barhola umvuzo ophantsi, abo bathi njengoko iindleko zezidingo zokuphila ziqhubeka nokunyuka – ngebhasikithi yokutya kwemihla ngemihla futhi esisiseko idlula umrholo ophantsi omiselweyo.

“Ngenxa kabhubhane, oye wenza kwabalasela ukungalingani okwakungaphambili kwakhe, olu lungalolona hlahlolwabiwomali lubalulekileyo ukusukela ku1994”, utsho oQhuba iPhulo leamandla.mobi, uTlou Seopa.  “UMphathiswa ucele uluntu ukuba lunike igalelo kuhlahlolwabiwomali, ngako oko sibongoza Mphathiswa uMboweni ukuba athathele ingqalelo izinyanzelo zethu zephulo. Ukwenza njalo linyathelo elibalulekileyo ekuqondeni amalinge afanelekileyo ukudala uMzansi olinganayo kumntu wonke,” uyongeza uSeopa.

Ngokwayamene nemisebenzi emininzi yophando, uMzansi unangaphezulu kwama300 000 abantu abaneemiliyoni ngeemiliyoni. Sixhasa elona zinga liphezulu lerhafu yobutyebi emva kweendleko eliphakathi kwe-3% ne-9% [7] kuba koko okufunekayo ukuba sifuna ukwandisa iimali zesibonelelo soluntu kwaye sithabathe amanyathelo ukungenisa iNkxaso yeNgeniso eSisiseko kwizinga lomrholo owanele izidingo ukuze bonke abantu bethu bakwazi ukuphila ubomi obuphucukileyo. 

Ngaphaya kwezi zibophelelo zerhafu, simemezela ulwabiwo kwakhona lwenkcitho karhulumente nokuncitshiswa kwenkcitho karhulumente engekho mgaqweni. Ubhubhane uqhubeka nokubeka iintsapho ezininzi kwiimeko zokuphila ezinzima, ngexesha abazizityebi beqhubeka nokuphila ubomi bobuncwane kwaye, kwezinye iimeko, bakhulisa ubutyebi babo. USibahle X, umxhasi wephulo, ukhankanya ukuba “ubhubhane weCOVID-19 unyuse ucalucalulo kuluntu lwaseMzantsi Afrika, kwaye urhulumente akahambi ngezantya ngokwaneleyo ukuvala umsantsa onyukayo phakathi kwabahluphekayo nabazizityebi”. Omnye umxhasi, uMichael Y, uthi, “ukuhlawulisa irhafu izityebi sisiqalo somzabalazo sokulingana koluntu ukunqanda intswelo yesininzi.” Lixesha lokuhlawulisa izityebi irhafu ngokufanelekileyo.

Fumana iphulo apha: Makurhafiswe izityebi ukwandisa izibonelelo, makuhlawulelwe ugonyo kwaye makuyekwe ukuncitshiswa kohlahlolwabiwomali

Ngolwazi oluthe vetshe nangodliwanondlebe:

Tlou Seopa

Amandla.mobi: OQhuba iPhulo

Iselula: +27 81 761 5326

I-imeyile: tlou@amandla.mobi

Share the Post:

Related Posts

2023 IsiBhengezo samaQabane

Lifikile ixesha!! Sivuya ngokungaphaya ukubhengeza amaqabane ethu aqhuba iphulo, angala (Ukusuka Phezulu ngaseKhohlo ukuya eZantsi ngasekuNene) Palesa Ndlovu, Celokuhle Radebe,

Read More