UMgaqonkqubo wobuMfihlo
- Home
- UMgaqonkqubo wobuMfihlo

Imicimbi yobumfihlo, kunye neamandla.mobi izinikele ngokugqibeleleyo ekuqinisekiseni ukuba ukuthabatha kwakho inxaxheba kwiiprojekthi zethu zomsebenzi ezibalulekileyo kukhusela ulwazi lobuqu lwakho.
Yintoni ulwazi lobuqu?
Ulwazi lobuqu lulwazi okanye uluvo malunga nomntu ochongiweyo, okanye umntu ochongwe ngokufanelekileyo nokuba ngaba ulwazi okanye uluvo luyinyani okanye hayi, kwaye nokuba ulwazi lurekhodwe ngendlela emathiriyeli okanye hayi.
Loluphi ulwazi lobuqu esiluqokelelayo
Iindidi zolwazi esiluqokelelayo malunga nawe size silugcine luquka igama lakho, iphondo, idilesi yeimeyile kunye nenombolo yomnxeba.
Kutheni iamandla.mobi iqokelela ulwazi lwakho lobuqu
Siqokelela ulwazi lobuqu ukuba sivumeleke ukukuthumela amathuba okuba uphakame uze uthabathe inxaxheba kumaphulo kunye nokukunika ulwazi malunga nequmrhu lethu, iiprojekthi zethu kunye namaphulo ethu.
Iamandla.mobi kwakhona ingasebenzisa ulwazi lwakho lobuqu ngeenjongo zophuhliso lolawulo lwangaphakathi lwethu, uphando, ucwangciso, ukumaketha, amaphulo kunye neeprojekthi.
Asiz’ ukusebenzisa okanye sidandalazise ulwazi lwakho lobuqu ngayo nayiphi injongo yesibini, ngaphandle kokuba:
- Injongo yesibini inxulumene nenjongo esisiseko esiqokelelela yona olo lwazi kwaye unokulindela ngokufanelekileyo udandalaziso kwezo meko okanye
- usinikile imvume yakho.
Indlela esiqokelela nesigcina ngayo ulwazi:
Iamandla.mobi iqokelela kwaye igcine ulwazi lobuqu osinikayo kwiwebhusayithi yethu, uMxit, iUSSD, iSMS, uWhatsapp, uPls Call Me, iimissed call, uFacebook, uTwitter, emnxebeni okanye ngeimeyile.
Umzekelo, xa uthumela i-imeyile kuthi okanye usinika ulwazi ngomnxeba, singalugcina ngenjongo yokuphendula umbuzo wakho.
Indlela esiqinisekisa ngayo ukuba ulwazi lwakho lobuqu lukhuselekile
Sithatha amanyathelo okhuseleko afanelekileyo ukukhusela ufikelelo olungagunyaziswanga okanye uguqulo, udandalaziso okanye ukonakalisa okungagunyaziswanga kolwazi lwakho lobuqu. Oku kuquka ukuhlola kwethu kwangaphakathi kokuqokelelwa kwedatha yethu, ukugcina nezithethe zokulungisa kunye namanyathelo okhuseleko, kunye namanyathelo okhuseleko olubonakalayo ukugada ukufikelela okungagunyaziswanga kwiinkqubo esigcina kuzo ulwazi lobuqu.
Ulwazi lobuqu akuz’ ukurhwetywa ngalo, luthengiswe okanye kuqeshiswe ngalo kumaqela angabangeneleli.
Ulwazi lobuqu lugcinwa kuphela kangangoko lusesemxholweni kwinjongo ebeluqokelelwe yona.
Iwebhusayithi yethu ayilungiselelwanga abantwana abaneminyaka eli-13 ubudala kwaye asiz’ ukuqokelela, sisebenzise, sinike okanye silungise ngayo nayiphi na indlela naluphi na ulwazi lobuqu lwabantwana abangaphantsi kweminyaka eli-13 ngabom.
Ke ngoko siyakucela kwakhona, ukuba ungaphantsi kweminyaka eli-13 ubudala, nceda ungasithumeleli ulwazi lwakho lobuqu (umzekelo, igama lakho, idilesi nedilesi yeimeyile). Ukuba ungaphantsi kweminyaka eli-13 ubudala kodwa nangona kunjalo unqwenela ukubuza umbuzo okanye ukusebenzisa le webhusayithi nceda cela umzali okanye umgcini wakho enze oko egameni lakho.
Ulwazi lobuqu olungagunyaziswanga
Ngokuqhelekileyo asiluqokeleli ulwazi lobuqu olungagunyaziswanga. Apho sifumana ulwazi lobuqu olungagunyaziswanga, siza kufumanisa ukuba ingaba kuvumelekile na ukuqokelela olo lwazi lobuqu ukuba luye lwagunyaziswa. Ukuba sifumanisa ukuba ukuqokelelwa oko bekungavumelekanga, kangangoko kuvunyelwa ngumthetho, siza kulutshabalalisa okanye siza kulufihla olo lwazi lobuqu kangangoko kunokwenzeka.
Iilinki
Nceda qaphela ukuba ukuba ukhonjiswa okanye usebenzisa naziphi na iilinki zangaphandle eziya kwenye iwebhusayithi, ezo sayithi azixhomekekanga kulo mgaqonkqubo wobumfihlo
Udandalaziso lwaphesheya kolwandle
Iamandla.mobi ayidandalazisi ulwazi lobuqu kuwo nawaphi na amaqumrhu aphesheya kolwandle.
Utshintsho lalo mgaqonkqubo
Nceda qaphela ukuba uMgaqonkqubo wobuMfihlo ungatshintsha kumaxesha ngamaxesha.
Izikhalazo
Ukuba ucinga ukuba ukunyhashwa kwemithetho yobumfihlo yaseMzantsi Afrika okanye amalungelo akho ngokunxulumene nobumfihlo kwenzekile, ungabhekisa isikhalazo sakho kuTebogo Gabang apha hola@amandla.mobi