Isakhiwo Sombutho

Sikholelwa ukuba uMzantsi ofanelekileyo, onobulungisa ngokungaphaya wenziwa ube namandla xa uninzi lwethu luhlangana luze luthathe inyathelo ngemiba echaphazela amabhinqa aNtsundu arhola umvuzo ophantsi. Akukho nyathelo lincinci kakhulu okanye likhulu kakhulu. Yonke into ingasetyenziswa njengempembelelo ukucela umngeni kwimeko yelo xesha. I-amandla.mobi isebenzela ukulawula nokusebenzisa amandla amabhinqa aNtsundu arhola umvuzo ophantsi ngokuhlangeneyo. Ukuza kuthi ga ngoku uluntu lwethu lukhule lwangaphezulu kwabantu  abasisiqingatha semiliyoni. Kunye namalungu engingqi yethu, amahlakani namaqumrhu angoomasibambisane, siyahlangana ukushenxisa amandla ngeendlela ezinceda ukuhambisa imithetho, imigaqonkqubo, izithethe nemikhwa esesikweni yoluntu lwethu, ukusebenza kwinkonzo yamabhinqa aNtsundu awamkela umrholo ophantsi, kunye neengingqi zethu.

Simamela oko uluntu lwethu lukukhathalela kakhulu kwaye sifune ukuthatha inyathelo, size siyile iindlela ezihlangeneyo nezisebenzayo abanokuphendula ngazo ngezixhobo ezahlukeneyo nangobuchule. I-amandla.mobi bubudlelane babantu namaqumrhu asebenza ukuyila umbono wolwabelwano wamabhinqa aNtsundu arhola umvuzo ophantsi ukuba aphumelele kwaye ngokwenza njalo, kusenziwa ukuba wonke umntu aphumelele ngokunjalo.