Amabhinqa antsundu ajongene nemiqobo kuyo yonke indawo, kwaye uluntu alohlukanga kuwo. Siyile inkqubo yoManyano yethu ukunika uqheliso, uqeqesho nenkxaso kubaququzeleli boluntu abakhoyo, amatshantliziyo nababhali ukukhawulezisa izakhono zabo nempembelelo. Ababefunda ngaphambili boManyano lwabaQhuba iPhulo basebenzise uqeqesho lwabo namava ngokunjalo ukumisela awabo amalinge okuqala, okanye bangena kumaqumrhu baza bomeleza ubudlelane babaphandi, abanikeli, amatshantliziyo nabaququzeleli abathi kunye bacele umngeni kurhulumente nakumaqumrhu. Xa zivelile izikhundla ezitsha, abanye bethu ababefunda ngaphambili bade bafaka izicelo baza bangena kwiqela leamandla.mobi.
Inkqubo yoManyano labaQhuba iPhulo yonyaka luManyano lweenyanga ezine ezihlawula ngokupheleleyo evuleleke kumabhinqa aNtsundu kunye nabantu abangazibandakanyi nasini. Ungafunda ngokungaphaya ngoManyano lwabaQhuba iPhulo apha.
Funda ngokungaphaya ngabantu ababefunda ngaphambili boManyano lwabaQhuba iPhulo apha: